21. Kodwa ke kulo mbingeleli unguYesu kwenziwa isifungo, njengoko zisithi iziBhalo:“Ifungile iNkosi, futhi ayiyi kujika:‘Ungumbingeleli ngonaphakade.’ ”
22. Ngoko ke uYesu usisiqinisekiso somnqophiso ongcono.
23. Ababingeleli bokuqala bona babemiselwa balandelelane, kuba kaloku babesifa, bengenako ukuhlala behleli emsebenzini wabo.
24. Kodwa bona obukaYesu ububingeleli abupheli, kuba yena uhlala ehleli ngonaphakade.
25. Esi sisizathu esibangela ukuba abe nako ukubasindisa ngokupheleleyo abo beza ngaye kuThixo, njengoko ehlala ehleli ebathethelela.
26. Ngoko ke uYesu ngoyena mbingeleli mkhulu ukwaziyo ukuhlangabezana nemeko yethu. Ungcwele, akanasici, enyulu; futhi wahlukanisiwe naboni, wanyuselwa ezulwini.
27. Yena akafani nabanye ababingeleli. Akukho mfuneko yakuba asondeze amadini mihla le, ngenxa yezono zakhe nangenxa yezono zabantu. Wasondeza idini kwaba kanye qwaba, ukuzinikela kwakhe.
28. Umthetho kaMosis wona umisela abantu ababuthathaka ukuba babe ngababingeleli abakhulu. Kodwa sona isithembiso sikaThixo esinesifungo – eso sifike emva komthetho – simisele uNyana ohlala esulungekile nanini nanini.