Isityhilelo 14:3-11 Ibhayibhile (XHO96)

3. Babethe qwelele phambi kwebhotwe naphambi kwezilwanyana ezine, ndawonye namadoda amakhulu, bevuma ingoma entsha. Akukho bani wayenako ukuyilandela loo ngoma, ngaphandle kwabo bakhululekileyo emhlabeni; ewe, nditsho abo balikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka.

4. Aba ke ngabo bangazidyobhanga ngamabhinqa. Ewe, banyulu. Bona bathe ngcembe emva kweXhwane. Aba bakhululwe bephuma kulo lonke uluntu. Balulibo lukaThixo kunye neXhwane.

5. Abazange bakhohlisa; bamsulwa.

6. Ndabona isithunywa sindanda phezulu esibhakabhakeni. Sasithunywe ukuba siye kuvakalisa uncuthu lweendaba ezingasoze zithini. Zona zezabo bonke abantu behlabathi, iintlanga, iilwimi ngeelwimi, nezizwe ngezizwe.

7. Sadanduluka samemeza sathi: “Thobelani uThixo, nimdumise ngenxa yobungangamsha bakhe! Kaloku ngoku lifikile ithuba lokuba alugwebe uluntu. Ngoko ke nqulani nimdumise umenzi wamazulu nomhlaba, ulwandle nemithombo empompozayo!”

8. Kwalandela esinye isithunywa sisithi: “Huntshu! Ithe folokohla yawa indlovukazi uBhabheli! Kaloku uluchwe lokurheletya kwakhe uluseze zonke izizwe!”

9. Ngokukwanjalo salandela nesinye isithunywa simemeza sisithi: “Wonke umntu onqula irhamncwa kunye nomfanekiso walo, aze amkele uphawu lwalo ebunzi okanye esandleni,

10. uya kutsarhwa yingqumbo kaThixo. Ewe kaloku, impindezelo kaThixo itsale yada yatshukula. Uya kugcadeka elangatyeni lomlilo wesalfa, iXhwane nezithunywa ezingcwele zibukele.

11. Umsi waloo mlilo uya kutsho ngomlembelele unyuquza unyuka ungaze unqamke. Abo banqula irhamncwa nomfanekiso walo, abanophawu lwegama lalo, abasoze baphumle imini nobusuku.”

Isityhilelo 14