28. Wathi uGali unyana kaEbhede: “Xa engubani yena uAbhimeleki inzala kaShekem, ukuba sibe phantsi kwakhe? Akanyana kaJerubhali na? AsinguZebhule na ihlakani lakhe? Hayi bo! Masibuse amadoda akwaHamori usoShekem!
29. Akwaba ibindim okhokela esi sizwe; bendiya kumsusa uAbhimeleki lo! Bendiya kumxelela ndithi: ‘Mawube ngathi uyaqina umkhosi wakho, uphume, khe sidibane.’ ”
30. Akuyiva into ethethwe nguGali wacaphuka uZebhule usibonda weso sixeko.
31. Wathumela izigidimi ngasese kuAbhimeleki eAruma, wathi: “UGali unyana kaEbhede nabantakwabo bagalelekile apha eShekem; baxhokonxa abantu khon' ukuze bakuchase.
32. Ngoko ke wena thatha umkhosi wakho, nihambe ngobusuku, nilalele emaphandleni.
33. Ngomso, xa lithi chapha, ze nivuke nisiqubule nisihlasele isixeko. Aze athi ke uGali nomkhosi wakhe akuphuma esiza kulwa nenze oko isandla senu sinako ukukwenza.”
34. Ngenene ke uAbhimeleki waphuma nomkhosi wakhe ngobusuku, baza bazimela ngaphandle kwaseShekem, bengamaqela amane.
35. Bathe ke ooAbhimeleki bakumbona uGali ephuma esiya kuma esangweni lesixeko, nabo baphuma ezikhundleni zabo.
36. Wababona ke uGali, waza wathi kuZebhule: “Khangela, nangaya amadoda esihla encotsheni yentaba!”UZebhule uphendule wathi: “Hayi, ngamathunzi nje eentaba la angathi ngabantu.”
37. Kwakhona uGali wathi: “Khangela, nangaya amadoda esihla phaya embindini wentaba! Elinye iqela liza ngalaa ndlela ivela kum-oki wezangoma!”
38. UZebhule waphendula wathi: “Aye phi kaloku amatshamba akho ngoku? Andithi kaloku nguwe kanye owawusithi: ‘Ngubani yena uAbhimeleki ukuba sibe phantsi kwakhe?’ Nango ke laa madoda obuphoxisa ngawo! Hamba kaloku, uphume uye kulwa nawo!”
39. Waphuma ke uGali, wabakhokela abemi baseShekem, balwa noAbhimeleki.
40. UGali wasaba, waza ke wasukelwa nguAbhimeleki. Abaninzi benzakalela kwalapho ukuya esangweni lesixeko.
41. UAbhimeleki wahlala eAruma, waza uZebhule wamdudula uGali nabantakwabo baphuma eShekem, ababa saba nako ukuhlala khona.
42. Ngomhla olandelayo uAbhimeleki waxelelwa ukuba amaShekem aceba ukuphuma aye emaphandleni;
43. waza ke waphuma nomkhosi wakhe wawahlula-hlula kathathu, waya kubalalela emaphandleni. Wathi akubona abantu bephuma esixekweni, naye waphuma ekuzimeleni, wababulala.