Iinkokheli 8:14-25 Ibhayibhile (XHO96)

14. waza wabamba umfana waseSukoti, wamncina ngemibuzo. Lo mfana wabhalela uGidiyon amagama amadoda amakhulu angamashumi asixhenxe anesixhenxe aseSukoti.

15. UGidiyon ke waya kumaSukoti, wafika wathi: “Naba ke uZebha noZalmuna enaniphoxisa ngam ngenxa yabo, nisithi: ‘Ngaba sewuboyisile na ooZebha noZalmuna, le nto selufuna siwunike isonka umkhosi wakhe odiniweyo?’ ”

16. Ngoko ke wathatha ameva nenkunzane, wawaphala ngayo, ewafundisa isifundo amadoda amakhulu aseSukoti.

17. Wayidiliza nenqaba yasePenuweli, wawabulala amadoda akhona.

18. UGidiyon wabuza uZebha noZalmuna wathi: “Ayeluhlobo luni na laa madoda nawabulalayo eTabore?”Ke bona baphendula bathi: “Ayefana nawe lowo kanye – onke ayengathi ngoonyana bokumkani.”

19. UGidiyon wathi: “Yayingabantakwethu abazalwa ngumama. Inene, ndiyafunga, ekho nje uNdikhoyo, ukuba naningawabulalanga bendingazukunibulala nani ngoku.”

20. Wayalela unyana wakhe omkhulu, uYetere, wathi: “Khwela kubo; babulale!” Kodwa ke inkwenkwe leyo yoyika, ayabinza, kuba yayiselula.

21. UZebha noZalmuna bathi ke kuGidiyon: “Sibulale ngokwakho; kaloku indoda ibonakala ngamandla ayo.” UGidiyon ke wababulala, waza wazithatha izihombiso ezazisezintanjeni zeenkamela zabo.

22. Emva koko ke amaSirayeli acela uGidiyon athi: “Masesilawulwa nguwe nenzala yakho. Kaloku nguwe osihlanguleyo kumaMidiyan.”

23. Ke yena waphendula wathi: “Hayi, soze nilawulwe ndim nangunyana wam, koko niya kulawulwa *nguNdikhoyo.”

24. Waqhuba ke wathi: “Mandicele le nto apha kuni: umntu ngamnye makandiphe icici alifumeneyo lisisabelo sakhe sempahla ethinjiweyo.” (Kaloku amaMidiyan, engamaIshmayeli nje, ayefaka amacici.)

25. AmaSirayeli aphendula athi: “Kulungile, siyavuma ukuyenza loo nto.” Baneka ingubo phantsi, yaza ke yangulowo nalowo wabeka kuyo icici alifumeneyo.

Iinkokheli 8