5. Zazisiza nemfuyo, neentente zazo, kutsho kunyakaze ngathi libubu leenkumbi. Lo mkhosi ke ukunye nezo nkamela wawusuka ube yinyambalala. Wawusuka ulitshabalalise ilizwe lonke,
6-7. kangangokuba ahlwempuzeka amaSirayeli engenakwenza nto.Ngenxa yale mpatho yamaMidiyan ke amaSirayeli azibika kuNdikhoyo.
8. Ke yena wawathumela umshumayeli owathi: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndanikhupha eJiputa, ilizwe enaningamakhoboka kulo.
9. Ndanihlangula kumaJiputa nakwiintlanga ezanicinezelayo kweli lizwe. Ndazigxotha xa ningenayo, ndaza ndaninika umhlaba wazo.