4. Ezi ntlanga zazifika zimise kwimida yamaSirayeli, zizitshabalalise zonke izilimo, ziyokuma ezantsi ngaseGaza. Zazithimba konke okushukumayo: iigusha, iinkomo, needonki, zingawashiyeli nento le amaSirayeli.
5. Zazisiza nemfuyo, neentente zazo, kutsho kunyakaze ngathi libubu leenkumbi. Lo mkhosi ke ukunye nezo nkamela wawusuka ube yinyambalala. Wawusuka ulitshabalalise ilizwe lonke,
8. Ke yena wawathumela umshumayeli owathi: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndanikhupha eJiputa, ilizwe enaningamakhoboka kulo.
9. Ndanihlangula kumaJiputa nakwiintlanga ezanicinezelayo kweli lizwe. Ndazigxotha xa ningenayo, ndaza ndaninika umhlaba wazo.
10. Ndaniyala ndathi: “Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu; ningaze niboyike oothixo bama-Amori enihlala emhlabeni wawo.” Kuloo nto yonke ke anindiphulaphulanga.’ ”
11. Ke kaloku isithunywa sikaNdikhoyo saya kwilali yaseOfra, safika sahlala phantsi komthi wom-oki owawungokaJowashe, umfo womzi ka-Abhiyezere. Unyana wakhe uGidiyon wayebhula ingqolowa esixovulweni seediliya khon' ukuze angabonwa ngamaMidiyan.
12. Isithunywa eso ke sabonakala kuye sathi: “UNdikhoyo unawe, gorhandini lomeleleyo!”
13. UGidiyon wathi kuso: “Ngxe, Mhlekazi! Ukuba uNdikhoyo unathi, kungani ukuba sihlelwe zizinto ezinje? Zaya phi eza zigigaba zezinto ezimangalisayo sasihlala sibaliselwa ngazo ngoobawo, kusithiwa uNdikhoyo wayezenza – ezo wazenzayo nasekubakhululeni kwakhe eJiputa? Kungokunje uNdikhoyo usilahlile; usinikele ezandleni zamaMidiyan.”