Iinkokheli 6:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwakhona amaSirayeli aphinda akreqa *kuNdikhoyo, waza ke wawanikela ezandleni zamaMidiyan iminyaka esixhenxe.

2. AmaMidiyan la ke ayewaphatha gadalala amaSirayeli. Ngoko ke amaSirayeli azenzela iindawo zokuzimela ezintabeni emiqolombeni nasemaweni ngenxa yokoyika amaMidiyan.

3. AmaSirayeli ayesithi akulima, afike amaMidiyan nama-Amaleki neentlanga zasempumalanga awahlasele.

4. Ezi ntlanga zazifika zimise kwimida yamaSirayeli, zizitshabalalise zonke izilimo, ziyokuma ezantsi ngaseGaza. Zazithimba konke okushukumayo: iigusha, iinkomo, needonki, zingawashiyeli nento le amaSirayeli.

Iinkokheli 6