27. Ewe, wambetha wafinyela wafohleka;wamtsho wanaba tswii ezinyaweni zakhe,wawa waqotha-qotheka ezinyaweni zakhe,suka watoshalaza, yaphel' intw' ibithethwa!
28. Unina wankolo-nkoloz' ejong' enkalweni;unakaSisera wanyondl' ezifestileni:“Iinqwelo zakhe zilibele phi, bethu?Ngan' ukuba acothe kangak' amahashe?”
29. Intokaz' eyingqondi yamthomalalisa,watsho naye waziv' ethuthuzelekile:
30. “Hayi, mhlawumbi baxakeke kukwab' amaxhoba:Imbelukazi, hayi, zimbini kwijoni ngalinye;kuSisera lilaph' elitofo-tofo elimabala-bala,elenkosazana liqhwaqhwalal' eliqhoqhonyiweyo.”