Iinkokheli 5:1-18 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngaloo mini ke uDibhora noBharaki unyana ka-Abhinowam bahlabela le ngoma:

2. AmaSirayeli atyeda ngokuzimisela;abantu basukela phezulu ngokuzinikela!Dumisani *uNdikhoyo, nina mafa-nankosi!

3. Inzwi kuni, nina bokumkani!Khanithi cwaka ke nani, matshawe,khe ndidanduluke ngengoma nombongo,khe ndimemelele nditsho ngoncuthu,ndidumis' uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.

4. Wena Ndikhoyo, wathi wakuphuma kwaSeyire,mhla wandolos' ushiy' iEdom,suk' umhlaba wanyikima,az' amazulu anyembezana,ke won' amaf' achaphaz' amanzi.

5. Ewe, iintaba zasuka zaqhaqhazelaphay' eSinayi phambi koNdikhoyo;nditsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli!

6. Ngemihla kaShamgare unyana ka-Anati,nditsho ngezo mini zikaJayeli,abahambi banqaba bada banqamka,abantu sebegwegweleza ngezaa ndlela.

7. Emaphandleni kwakukhal' ibhungane,iilali zakwaSirayeli zazingamaphanga,de kwavela mna Dibhora njengesikhukukazi.

8. Suka bathatha thixo bambi,yaz' imfazwe yamrhewula uSirayeli.Kweso sine samawak' amaSirayeli,ikhaka nomkhonto zange ziphakanyiswe.

9. Kuthi mandityibele ndityondyothele kwezo ngqwayi-ngqwayi zikaSirayeli,ndibong' amatsha-ntliziyo ngokuzilahlela ngokuzinikela.Dumisani uNdikhoyo, nina mafa-nankosi!

10. Nina bakhwel' iidonki ezimhlophe;nina bahlala kwezingayiway' iisali,ngokunjalo nani bahamba ngeenyawo,zinyamekeleni ezi zinto, nicamngce ngazo.

11. Khawuve ke, nal' ugwijo lweemvum' emaquleni!Zibhiyozel' uloyiso lukaNdikhoyo:uloyiso lwabantu bakh' amaSirayeli.Suk' abantu bakaNdikhoyo bangqisha,benjenjeya ukuya emasangweni.

12. Vuka! Khawuvuke, Dibhora!Vuka uhlabele ingoma!Phakathi, Bharaki nyana ka-Abhinowam!Uz' ubuy' urhuq' abathinjwa!

13. Yaza ke yavel' imingqandand' emva kweengqwayi-ngqwayi,abakaNdikhoyo beza kum kunye namagorha.

14. Baphuma kwaEfrayim baya kutsho entilini,ezinyaweni zabo inguBhenjamin namawabo;iingqwayi-ngqwayi zeza ziphuma kwaMakire,zona izithwala-ndwe zivela kwaZebhulon.

15. Amatshawe akwaIsakare eza noDibhora;ewe, uIsakare wema noBharaki,bamlandela baya kutsho entilini.Kambe ke amaRubhen esuka athandabuza;ewe, wona esuka amathidala.

16. Ngani ukuba nisale ezigusheni?Ukuze niv' abelusi bentyontyel' imihlambi?Ewe, amaRubhen asuka athandabuza,ke wona asuka aba mathidala.

17. AmaGiliyadi asala phesheya kweJordan.Ngani na ukuba uDan ashiyeke ezinqanaweni?Yena uAshere wasal' elunxwemeni lolwandle;ewe, walibala ngaselunxwemeni.

18. AmaZebhulon abeke ubomi babo esichengeni;ngokunjalo namaNafetali adela ukufa emaphandleni.

Iinkokheli 5