Iinkokheli 16:24-25-31 Ibhayibhile (XHO96)

3. Kambe ke yena uSamson wavuka phakathi kobusuku, waya esangweni lesixeko, wafika wayibamba imigubasi kunye neengcango nomvalo, wasiphula konke. Wayixwaya emagxeni, waya nayo kwinduli ekhangelene neHebron.

4. Kwakhona ke uSamson wathandana nentokazi yentili yaseSoreki egama linguDelila.

5. Ke izikhulu zamaFilistiya zaya kuyo, zathi: “Msondeze uSamson de akuxelele imfihlelo yala mandla akhe angaka, ucebise ukuba singenza kanjani na ukuze simbambe, simbophe, simoyise. Umntu ngamnye kuthi uya kukunika iisiliva ezilishumi elinanye lamakhulu.”

6. Ngoko ke uDelila wacengana noSamson, wathi: “Ndihlebele; uwathatha phi la mandla angaka? Ungabotshwa ngantoni ukuze woyisakale?”

7. USamson wamphendula wathi: “Ukuba ndingabotshwa ngesixhenxe seentsontelo ezingekomi, amandla am angatha, ndifane nabanye abantu.”

8. Izikhulu zamaFilistiya ke zanika uDelila iintsontelo ezisixhenxe ezingekomi, waza ke wambopha ngazo uSamson.

9. Ke kaloku uDelila wayefihle amadoda endlwini apho, waza ke wakhwaza wathi: “Nanga amaFilistiya, Samson!” Ke yena uSamson ezo ntsontelo wazithi gqashu-gqashu okomtya ulenywa ngumlilo. Ngoko ke imfihlelo yamandla akhe yasala ingaziwa mntu.

24-25. Kwathi xa kumnandi apho kwelo theko, zathi: “Yizani noSamson, eze kusonwabisa!” Bathi ke bakumkhupha uSamson entolongweni, bahlekisa ngaye, bammisa phakathi kweentsika. Abantu ke bakumbona uSamson badumisa uthixo wabo, bathi: “Uthixo wethu ulunikele esandleni sethu utshaba lwethu oluzise intshabalalo kwilizwe lethu, lwabulala abantu bethu abaninzi kangaka!”

26. USamson wathetha nomfana owayemrhola, wathi: “Khawume khe ndizive iintsika zesi sakhiwo. Ndifuna ukwayama ngazo.”

27. Indlu leyo ke yayizele ngamadoda nabafazi. Zonke izikhulu zamaFilistiya zazilapho; bebonke abantu babekwisithuba samawaka amathathu, beseluphahleni, bembukele behlekisa ngoSamson.

28. Ke kaloku uSamson wazibika kuNdikhoyo, wathi: “Ndikhoyo, Nkosi yam, ndikhumbule; nceda, Thixo wam, khawubuyise amandla am okwesi sihlandlo nje sodwa, ukuze ndiziphindezele kumaFilistiya ngenxa yesenzo sawo sokundikhupha amehlo.”

29. Ke uSamson wafikelela kwiintsika ezisesizikithini sesakhiwo eso. Wabamba yanye ngesokunene, enye wayibamba ngesokhohlo;

30. waza wadanduluka wathi: “Mandife kunye namaFilistiya!” Wazisunduza ngamandla akhe onke – folokohlo didli! Sadilika isakhiwo; zafela apho ezo zikhulu ndawonye nabo bonke ababekhona. Ekufeni kwakhe uSamson wabulala abantu abaninzi ngaphezu kwabo wababulala esadl' ubomi.

31. Ke kaloku abantakwabo nawo onke amawabo baya kuwuthatha umzimba wakhe, bagoduka nawo. Bamfihla kwingcwaba likayise uManowa phakathi kweZora ne-Eshtawoli. Waba yinkokheli yamaSirayeli iminyaka engamashumi amabini.

Iinkokheli 16