Iinkokheli 14:15-18 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ngosuku lwesine ke bathethe nomtshakazi bathi: “Khawusincede ucenga-cengane nendoda yakho, ikuxelele eli qhina. Kungenjalo siza kuyitshisa le ndlu kayihlo, nitshele khona. Kakade ngaba nisimemele apha ukuze nisikhuthuze?”

16. Umtshakazi lowo waya selenyembezana kuSamson, wafika wathi: “Hayi, kucacile ukuba awundithandi, undithiyile! Usuka wenzele amawethu iqhina, kodwa mna akundixeleli ukuconjululwa kwalo!”Waphendula ke yena wathi: “Ndingathini ukuxelela wena ndingekabaxeleli utata nomama?”

17. Hayi ke, umtshakazi walilela umyeni wakhe zonke ezo ntsuku zomtshato. Wada woyisakala ngolu lwesixhenxe umyeni, wamxelela, kuba kucaca ukuba umhlalise manzondololwana. Ke umtshakazi lowo waya kuhlebela abafana bakowabo.

18. Ngoko ke ngosuku lwesixhenxe, lingekatshoni ilanga, abafana abo beza kuSamson, bafika bathi:“Yintoni engaphezu kobusi ngobumnandi?Iyintoni enamandla ngaphezu kwengonyama?”USamson ke waphendula wathi:“Ukuba beningalimanga ngethokazi lamngeningalicombululanga eli qhina.”

Iinkokheli 14