1. UJefta, igorha lejoni laseGiliyadi, wayengunyana wehenyukazi elithile. Uyise uGiliyadi
2. wayenabanye oonyana, bezalwa ngumkakhe; bathi bakukhula bamgxotha uJefta. Bathi kuye: “Wena awunakuzuza lifa kwindlu katata; kaloku uzalwa mfazi wumbi.”
3. Wasaba ke uJefta kubantakwabo, waya kuhlala kumhlaba waseTobhi. Apho ke kwabuthelana kuye iindlavini ezithile, zaza zaba ngamahlakani akhe.
4. Ekuhambeni kwethuba ke ama-Amon alwa namaSirayeli.