21. Kodwa ke amaBhenjamin zange awagxothe amaJebhusi awayehlala eJerusalem – asemi khona ndawonye namaBhenjamin unanamhla.
22-23. Abendlu kaJosefu bahlasela iBhetele, ekwakusithiwa yiLuzi ngaloo maxesha. *UNdikhoyo wabanceda. Bathumela iintlola apho esixekweni,
24. zaza zabona indoda iphuma khona, zathi kuyo: “Sibonise indlela yokungena esixekweni. Ukuba uthe wenjenjalo asiyi kukwenzakalisa.”
25. Yazibonisa ke, aza amaJosefu ababulala bonke abantu bakhona, ashiya loo ndoda nendlu yayo kuphela.