Eyonqulo 8:12-29 Ibhayibhile (XHO96)

2-3. “Yiya noAron kunye noonyana bakhe ekungeneni *kwesibingelelo, uphathe nezivatho zababingeleli, kunye namafutha okuthambisa, nenkunzi yenkomo yedini lokungxengxezela izono, iinkunzi ezimbini zeegusha, kunye nebhaskiti enezonka ezingenagwele. Uze ke ubize umzi wakwaSirayeli uphela.”

12. Waza wammisela uAron, emahlulela uNdikhoyo, ngokumgalela inxenye yamafutha entloko.

13. Emva koko uMosis uthathe oonyana baka-Aron, wabanxiba iihempe, wabafaka imixwayo, wabathwesa iminqwazi, njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.

14. UMosis usondeze inkunzi yedini lokucamagushela, waza uAron noonyana bakhe bayibeka izandla entloko.

15. Uyihlabile uMosis, waza wathi nkxu umnwe wakhe egazini layo, walityikila kwiimpondo zone zeekona zeqonga, waba ulahlulela uNdikhoyo ngokwenjenjalo. Eliseleyo ke igazi uliphalaze emazantsi eqonga. Waba ke ngoko uyalihlambulula iqonga.

16. Wawathatha onke amanqatha ezibilini uMosis, kunye nomhlehlo, kwakunye nezintso namanqatha azo, wawatshisa apho eqongeni lamadini.

17. Uyithathe yonke loo nyama yaloo nkomo ndawonye nesikhumba namathumbu waya kuzitshisa ngaphandle kwelali njengokutsho kukaNdikhoyo.

18. Emva koko uMosis usondeze inkunzi yegusha yedini elitshiswayo, baza uAron noonyana bakhe bayibeka izandla entloko.

19. Uyinqumle uMosis, waza igazi waliphosa kumacala onke eqonga.

20-21. Wayihlahla loo gusha, waza wahlamba izibilini nemilenze. Intloko yona, kunye namanqatha, kunye nayo yonke loo nyama, wazitshisa apho eqongeni, kanye njengoko kwatsho uNdikhoyo. Eli lidini elitshiswayo, idini elenzelwa uNdikhoyo ngomlilo. Ivumba lalo liyolile kuNdikhoyo.

22. Uze neyesibini inkunzi yegusha uMosis; le yona yayiyeyedini lokumiselwa kwababingeleli, waza uAron noonyana bakhe bayibeka izandla entloko.

23. Wayinqumla uMosis, waza wathatha intwana yegazi, watyikila ngalo indlebe yokunene ka-Aron, nosithupha wesandla sokunene, nobhontsi wonyawo lokunene.

24. Ngoku uMosis usondeze oonyana baka-Aron, nabo wabadyobha igazi iindlebe zasekunene, oosithupha basekunene, noobhontsi beenyawo zasekunene. Waza eliseleyo igazi waliphalaza kumacala onke eqonga.

25. UMosis uthathe amanqatha, nomsila, namanqatha ezibilini, umhlehlo, nezintso namanqatha azo, kunye nomlenze wasekunene.

26. Emva koko uthathe isonka sasinye esingenagwele kulaa bhaskiti iphambi koNdikhoyo, wathatha nesonka esenziwe ngamafutha, neqebengwana lalinye, waza wazibeka ngaphezu kwamanqatha nomlenze.

27. Uzithathe zonke, wazinika uAron noonyana bakhe, bona baziwanga-wangisa phambi koNdikhoyo zangumnikelo.

28. Uphinde wazithatha kubo uMosis, wazitshisa apho eqongeni, ngaphezu kwelaa dini litshiswayo, zalidini lokumisela. Lo ngumnikelo owenziwa ngomlilo, ovumba lithandekayo kuNdikhoyo.

29. UMosis uthathe incum wayiwanga-wangisa yangumnikelo kuNdikhoyo. Le yayiyinxaxheba kaMosis yedini lomiselo lwababingeleli. UMosis wenza kanye njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.

Eyonqulo 8