2. Ixhoba lokwenza eli dini kufuneka lixhelelwe apho kuxhelelwa khona amadini atshiswayo. Igazi lalo malitshizwe kumacala onke eqonga.
3. Onke amanqatha makakhutshwe abekwe eqongeni: umsila, namanqatha enyama yangaphakathi,
4. izintso kunye namanqatha azo, kwakunye nomhlehlo.
5. Onke loo manqatha umbingeleli makawatshise enzele ngawo *uNdikhoyo umnikelo ngomlilo. Eli ke lidini lokwenza intlawulo.
6. Nayiphi na indoda ephuma kumlibo wababingeleli ingayitya loo nyama. Kodwa kufuneka ityelwe kulaa ndawo ikhethekileyo, kuba kwayona ikhethekile.
7. Inye inkqubo ephathelele kumadini esono nakumadini entlawulo. Loo nyama iba yeyombingeleli owenza idini.
8. Kwanalo ufele lwento yedini elitshiswayo luba lolwaloo mbingeleli wenza idini.
9. Wonke umnikelo wento eziinkozo ebhakiweyo okanye eyenziwe ngepani, okanye egcadiweyo, uba ngowombingeleli lowo ubewunikela.
10. Umnikelo wokutya, nokuba uxutywe namafutha, nokuba womile, woba ngowababingeleli bebonke, yaye ke mabahlulelane ngako ngokulinganayo.
11. Nantsi inkqubo ephathelele kumadini obudlelane enzelwa *uNdikhoyo:
12. Xa umntu esenza idini lobudlelane ebulela, makeze naloo nto iza kuxhelwa kwakunye nesonka esingenagwele, nokuba sisonka esiqatywe amafutha omnquma, okanye amaqebengwana aqatywe amafutha omnquma, kungenjalo amaqebengwana enziwe ngomgubo oxutywe namafutha omnquma.
13. Kweli dini lobudlelane, elikwalidini lokubulela, kufuneka ongezelele ngezonka ezinegwele.
14. Makanikele ngodidi ngalunye kwezi zonka, azenze umnikelo kuNdikhoyo. Zoba zezombingeleli othe watshiza iqonga ngegazi lamadini obudlelane.
15. Inyama yedini lobudlelane kufuneka ityiwe kwangaloo mini inikelwa ngayo; makungabikho nyama isalayo kude kube ngengomso.
16. Xa umntu enikela idini lobudlelane, egcina isithembiso awasenzayo, okanye ethanda nje ukwenza umnikelo, leyo ke yona inyama akunyanzelekanga ukuba ityiwe iphele ngamini-nye, kodwa eseleyo ingátyiwa ngengomso.
17. Inyama esekhoyo ngosuku lwesithathu kufuneka itshiswe yona.
18. Ukuba ityiwe loo nyama ngosuku lwesithathu, uThixo akayi kulamkela elo dini laloo mntu, kuba lisuke *lanomlaza. Nabani na ke oya kuthi alitye uya kuluthwala uxanduva lwakhe.
19. Xa inyama yedini ithe yadibana nantoni na enomlaza, kufuneka itshiswe ingàtyiwa. Wonke ubani ongenamlaza angayitya inyama yedini elo.
20. Kodwa xa ithe yatyiwa nangumntu onomlaza, lowo makasikwe phakathi kosapho lukaNdikhoyo.