7. andule ukutyikila ngenxalenye yegazi elo iimpondo ezikwiikona zeqonga lesiqhumiso elilapho kwigumbi eliyingcwele, aliphalaze igazi eliseleyo emazantsi eqonga lamadini atshiswayo elisekungeneni kwesibingelelo.
8. Wothi ke athathe onke amanqatha enyama yangaphakathi yale nkunzi,
9. izintso namanqatha azo, kunye nomhlehlo,
10. kanye njengoko enzayo ngamanqatha edini lobudlelane. Loo manqatha uya kuwatshisa kwelaa qonga lamadini atshiswayo.
11. Kodwa sona isikhumba nayo yonke inyama, intloko namanqina, nezibilini kwakunye namathumbu, oko kukuthi yonke inyama enganikelwanga kuNdikhoyo,
12. uya kuyikhuphela ngaphandle kwelali, azise kulaa ndawo ikhethekileyo apho kulahlwa khona uthuthu, azitshisele apho ngomlilo weenkuni.
13. Xa kone ibandla lakwaSirayeli liphela, lize ke libe netyala lokwaphula ummiselo kaNdikhoyo lingaqondanga,
14. kuya kuthi nje ukuba sazeke eso sono, kufuneke umzi uze nethole lenkunzi yenkomo yedini lokungxengxeza. Loo nkomo iya kuqhutyelwa esibingelelweni,
15. apho ziya kuthi phambi koNdikhoyo iinkokheli zomzi ziyibeke izandla entloko, ize ihlatywe.
16. Umbingeleli othanjisiweyo uya kuthatha inxenye yelo gazi, angene nalo ngaphakathi esibingelelweni,
17. athi nkxu umnwe kulo, aze atshize ngalo kasixhenxe phambi koNdikhoyo nganeno komkhusane wegumbi eliyingcwele kangcwele.
18. Elinye igazi wolityikila kwiimpondo ezikwiikona zeqonga lesiqhumiso elingaphakathi kwegumbi eliyingcwele, aze aliphalaze eliseleyo emazantsi eqonga lamadini atshiswayo elingasekungeneni kwesibingelelo.
19. Uya kwandula ke asuse onke amanqatha, awatshise eqongeni apho.
20. Ngale nkomo uya kwenza kanye ngalaa ndlela adla ngokwenza ngayo ngenkomo yedini lokungxengxezela izono. Yiyo ke le indlela umbingeleli enza ngayo idini lokucamagushela izono zabantu, yaye bozixolelwa.
21. Andule ke ukuyikhuphela ngaphandle kwelali loo nyama, aye kuyitshisa kanye ngalaa ndlela atshisa ngayo eyokucamagushela ezakhe izono. Lilo ke elo idini lokucamagushela ibandla.
22. Xa kone umntu oyinkokheli, aphule ummiselo kaNdikhoyo uThixo engaqondanga,