Eyonqulo 10:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. UNadabhi noAbhihu, oonyana baka-Aron, elowo wathatha umcephe wakhe wamalahle, wagalela amalahle, wafaka nentlaka yesiqhumiso, bazisa phambi *koNdikhoyo. Kambe ke loo mlilo wabo wawunxamnye nomyalelo kaNdikhoyo.

2. Kusuke kwaphuma umlilo kuNdikhoyo owabatshisela khona apho, bafela apho phambi koNdikhoyo.

3. UMosis ke uthe kuAron: “Nantso ke into eyayixelwa nguNdikhoyo ngokuya wayesithi: ‘Kufuneka bandihlonele bonke abasondelayo kum; abantu bam ndobabonisa isihomo nesithozela sam.’ ” Yena uAron wasuka wathula tu.

4. UMosis ubize uMishayeli kunye noElizafan, oonyana bakaUziyeli, uyisekazi ka-Aron, wathi kubo mabaye kuthatha imizimba yabantakwabo, bayisuse phambi *kwesibingelelo, bayikhuphele ngaphandle kwelali.

5. Baya kuzithatha ezo zidumbu, bazithwala bezibambe ngezambatho, bazisa ngaphandle kwelali njengoko wayetshilo kubo uMosis.

6. UMosis ubhekise kuAron nakoonyana bakhe uElazare noItamare, wathi: “Musani ukubazilela aba bangasekhoyo. Musani ukuziyeka iinwele zenu zingachazwanga, ningazikrazuli nezambatho zenu hleze nife, abe ke uNdikhoyo angaliqumbela ibandla liphela. Kambe ke onke amanye amaSirayeli wona angayizilela le ntlekele yokufa kwaba bantu ngomlilo othunyelwe nguNdikhoyo.

7. Maze nina ningasuki esangweni lesibingelelo, hleze nife, kuba nâhlulelwa uNdikhoyo ngokuthanjiswa.” Benjenjalo ke.

8. *UNdikhoyo wabhekisa kuAron, wathi:

9. “Wena noonyana bakho nize ningangeni *esibingelelweni xa benisele. Niya kufa ukuba niyenzile loo nto. Lo mthetho uze uthotyelwe nazizizukulwana.

10. Nize nicalule phakathi kwento eyahlulelwe uThixo nento engahlulelwanga yena, naphakathi kwento *enomlaza nento engenamlaza.

11. AmaSirayeli ze niwafundise yonke imimiselo endaninika yona ngoMosis.”

12. UMosis wabhekisa kuAron nakoonyana bakhe abaseleyo, uElazare noItamare, wathi: “Ukutya okuseleyo kumnikelo obusenzelwa uNdikhoyo ze nikuthathe nenze izonka ezinganyuswanga, nizityele phaya ngaseqongeni. Kaloku lo ngumnikelo ongcwele.

Eyonqulo 10