5. Wathi maze bathi kukumkani: “Xa wayeza kubhubha ubawo wayalela mna Josefu, endifungisa ukuba maze ndimngcwabe kwingcwaba awazilungiselela lona eKanana.” Wathi makancede ke ukumkani amvumele aye kungcwaba uyise, uya kubuya abuye.
6. Ukumkani wathi kuJosefu: “Hamba uye kungcwaba uyihlo njengoko wawumthembisile ngesifungo.”
7. Wahamba uJosefu ukuya kungcwaba uyise. Waphelekwa ngoomaqhuzu basebhotwe, amaphakathi, nabo bonke abantu abaphambili kubemi baseJiputa.
8. Kwahamba usapho lwakhe, abantakwabo, kwakunye nomzi kayise wonke. Kwasala abantwana kuphela eGoshen kunye nemfuyo yabo.
9. Kwakuziinqwelo zamahashe, kunye nabakhwele amahashe, isisihlwele.
10. Bathi bakufika kwisanda sika-Atadi kufuphi neJordan, batsho ngesijwili esikrakra ithuba elide. Apho uJosefu wachitha iintsuku ezisixhenxe ezilile.
11. Abantu baseKanana, bakubabona bezilile kwisanda sika-Atadi, bayincoma inkqubo ezukileyo yenzila eyayisenziwa ngamaJiputa. Yiyo ke loo nto loo ndawo kwathiwa igama layo yiAbheli-mizerayim.
12. Benjenjalo ke oonyana bakaYakobi ukuthobela umyolelo kayise.
13. Bawuthwala umzimba wakhe, bawusa eKanana, bafika bawungcwaba kumqolomba owawuseMakapela, ngasempuma yeMamre, kulaa mhlaba uAbraham wawuthenga kuEfron umHeti, ube yindawo yokungcwabela.
14. Akuba emngcwabile uyise, uJosefu wabuyela eJiputa, kunye nabantakwabo kwakunye naloo nginginya yayimkhaphile.
15. Emva kokubhubha kukayise abantakwabo-Josefu baphathwa lixhala lokuba hleze kuthi kanti uJosefu usababambe isixhiba ngento embi abamenza yona.
18. Bathi ke, abantakwabo beze buqu, bafika bakhahlela, bathi: “Thina sizizicaka zakho.”
19. Suka uJosefu wathi: “Musani ukuxhala, andingoThixo mna.
20. Ewe, nanizimisele ukundenzakalisa, kodwa uThixo yena walijika elo yelenqe labubuhle, khon' ukuze kusinde abantu abaninzi abaphilayo ngoku ngenxa yeso senzo senu.”
21. Watsho esithi: “Musani ukoyika, ndiza kunigcina nina kunye nabantwana benu.” Wabathuthuzela ngamazwi atsho laphela ixhala.
22. UJosefu wahlala eJiputa kunye nosapho lukayise, wada wabhubha enekhulu lineshumi leminyaka.
23. Wahlala wada wabona nabantwana bakaEfrayim kwakunye nabantwana babo. Wahlala wada nabantwana bakaMakire unyana kaManase wabangenisa baba yimilowo.
24. Wayolela kubantakwabo uJosefu wathi: “Sendiza kubhubha, kodwa yena uThixo uza kunigcina ade anikhuphe kweli lizwe, anise kwilizwe awalithembisa oobawo uAbraham noIsake noYakobi.”