1. UJosefu waziphosa phezu koyise ekhala, wamanga.
2. Emva koko wayalela oogqirha ukuba bawuqhole umzimba kayise, ukuze ungonakali. Benjenjalo ke, bamqhola uSirayeli,
3. yaza loo nto yathatha amashumi amane eentsuku ukwenziwa. Kambe ke lixesha eliqhelekileyo laloo nto elo. AmaJiputa amzilela amashumi asixhenxe eentsuku uYakobi.
4. Lakuba lidlule ilixa lenzila, uJosefu wanikela oomaqhuzu bakomkhulu umyalezo oya kukumkani.
5. Wathi maze bathi kukumkani: “Xa wayeza kubhubha ubawo wayalela mna Josefu, endifungisa ukuba maze ndimngcwabe kwingcwaba awazilungiselela lona eKanana.” Wathi makancede ke ukumkani amvumele aye kungcwaba uyise, uya kubuya abuye.
6. Ukumkani wathi kuJosefu: “Hamba uye kungcwaba uyihlo njengoko wawumthembisile ngesifungo.”
7. Wahamba uJosefu ukuya kungcwaba uyise. Waphelekwa ngoomaqhuzu basebhotwe, amaphakathi, nabo bonke abantu abaphambili kubemi baseJiputa.
8. Kwahamba usapho lwakhe, abantakwabo, kwakunye nomzi kayise wonke. Kwasala abantwana kuphela eGoshen kunye nemfuyo yabo.
16-17. Bathumela isigidimi ke kuJosefu ukuba sise umlomo othi: “Ubawo wathi ze sithi kuwe, Josefu, uze usixolele ngesenzo esakwenza sona. Sixolele ke ngoko, thina zicaka zikaThixo kabawo.”Zehla iinyembezi kuJosefu akuwuva loo mlomo.