Eyeziqalo 43:9-26 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ukuba kukho nto yenzeka kuyo woyibuza apha kum. Ukuba andibuyanga nayo isaphila, ndiya kuthwala ityala bonke ubomi bam.

10. Ukuba besingalibazisanga kangaka ngesiye sabuya, nditsho sada saphinda okwesibini.”

11. Uyise wathi kubo: “Xa kunjalo ke kulungile, phathani ezona ziphambili izinto ezivela kulo mhlaba, nise kumphathiswa lowo. Thathani intwana yentlaka yokuqhola, ubusi, intlaka emhlope, amakha, neembotyi zepistako, kunye neeamangile.

12. Ze niphathe nemali ngokuphindiweyo, kuba kufuneka niyibuyisele leya beniyifumene ezingxoweni zenu. Mhlawumbi yayifakwe ngempazamo.

13. Hambani naye ke umntakwenu, niye kuloo ndoda.

14. Wanga uThixo uSomandla angayenza mhlophe indlela yenu, ize loo ndoda inenzele inceba, imbuyisele kuni uBhenjamin nalaa mntakwenu useleyo. Ukuba mna kufuneka ndilahlekelwe ngabantwana bam, kulungile.”

15. Bazithatha ke izipho oonyana bakhe kunye nemali eyaneleyo, bahamba baya eJiputa kunye noBhenjamin. Bafika bazazisa kuJosefu.

16. UJosefu akubabona behamba noBhenjamin, wathi kwisicaka esiyintloko: “La madoda wase endlwini yam. Uze uxhele nokuxhela, khon' ukuze batye nam isidlo sasemini.”

17. Senjenjalo ke isicaka ngokomyalelo kaJosefu.

18. Ngeli xesha basiwa endlwini babesoyika, besithi: “Sibanjwa ngenxa yemali eyayifakwe ezingxoweni zethu. Uza kusihlasela, asibambe, sibe ngamakhoboka, athimbe needonki zethu.”

19. Bathe ke, xa besesemnyango, babhekisa kwisicaka esiphetheyo, bathi:

20. “Mhlekazi, bekhe seza kuthenga ukutya apha.

21. Sithe sakumisa ngokuhlwa endleleni egodukayo, safumana loo mali besithenge ngayo isesezingxoweni zethu ngaphezulu. Size nayo ke loo mali.

22. Siphethe nenye imali yokuthenga ukutya. Asazi ukuba yafakwa ngubani le mali ezingxoweni zethu.”

23. “Khululekani, ningoyiki,” sitshilo isicaka. “Kunokuba loo mali yinyhweba evela kuThixo wenu, uThixo kayihlo. Mna ndayifumana intlawulo yenu.” Saza sakhupha uSimon, samzisa kubo.

24. Sabangenisa endlwini kaJosefu isicaka. Sabanika amanzi, bahlamba iinyawo. Sapha needonki zabo into etyiwayo.

25. Balungiselela ukunika uJosefu izipho ukufika kwakhe ngexesha lesidlo sasemini, kuba babesebexelelwe ukuba uza kutya kunye nabo.

26. Akufika basa kuye izipho, bakhahlela, bawa ngobuso emhlabeni.

Eyeziqalo 43