Eyeziqalo 41:8-26 Ibhayibhile (XHO96)

8. Kwasa ekhathazekile yile nto, waza wathi makubizwe zonke izanuse noosiyazi baseJiputa. Wabalawulela amaphupha akhe, kodwa bonke batsho phantsi, ababi nako ukuwachaza.

9. Kuvele injoli, yathi kukumkani: “Mandiyivume namhla into yokuba ndenze impazamo.

10. Ngokuya wawukhathazekile ngenxa yam nombhaki, wasivalela entolongweni emzini womphathi-balindi bebhotwe,

11. kwathi ngabusuku buthile saphupha. Elowo waba nelakhe iphupha, engathethi nto inye loo maphupha.

12. Apho kwakukho umfana womHebhere, evalelwe nathi, engumququzeleli womphathi-balindi. Sathi sakumlawulela wasichazela sobabini amaphupha ethu.

13. Kwenzeka kanye njengoko wayetshilo: mna ndabuyiselwa emsebenzini wam, waxhonywa yena umbhaki.”

14. Ukumkani wathi makabizwe uJosefu, waza ngoko nangoko wakhululwa entolongweni. Akuba etshevile, wanxiba kakuhle, wasiwa kukumkani.

15. Waza wathi ukumkani kuJosefu: “Ndinephupha ekungekho bani ube nako ukulichaza. Ke ndivile ukuba uyakwazi ukuchaza amaphupha.”

16. UJosefu uphendule ngelithi: “Mhlekazi, andikwazi kuchaza maphupha, koko nguThixo oya kuchazela ukumkani iphupha lakhe.”

17. Ulilawule ke iphupha lakhe ukumkani wenjenje: “Ndiphuphe ndimi phezu komlambo iNayile.

18. Ndabona kuvela iimazi zeenkomo ezisixhenxe ezityebileyo emlanjeni apho, zigramza.

19. Kuvele esinye isixhenxe seemazi ezinqinileyo. Zaziyeyona migqutsuba ndakha ndayibona kwelaseJiputa.

20. Loo migqutsuba ke yazithi bimbilili ezo mazi zityebileyo.

21. Kambe ke ayikhange ibonakale loo nto, kuba zasala ziyiloo migqutsuba kwanjengangaphambili. Ndaphaphama ke.

22. Emva koko ke ndibuye ndaphupha ndibona izikhwebu ezisixhenxe ezihle zengqolowa, zintshula sikhondweni sinye.

23. Kuphinde kwantshula nezinye ezisixhenxe izikhwebu zizibi ngathi zitshazwe lulophu lwasempumalanga,

24. zazithi ginyi-ginyi eziya zikhwebu zihle. Ndiwalawule la maphupha kwizanuse zalapha, kodwa akwabikho namnye unokundichazela.”

25. Uthe ukuphendula uJosefu: “Omabini la maphupha athetha into enye, mhlekazi. UThixo ebekuxelela into aza kuyenza.

26. Iimazi ezityebileyo ezisixhenxe yiminyaka esixhenxe, ukanti nezikhwebu ezihle ezisixhenxe zikwayiminyaka esixhenxe. Athetha into enye omabini la maphupha.

Eyeziqalo 41