Eyeziqalo 41:14-31 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ukumkani wathi makabizwe uJosefu, waza ngoko nangoko wakhululwa entolongweni. Akuba etshevile, wanxiba kakuhle, wasiwa kukumkani.

15. Waza wathi ukumkani kuJosefu: “Ndinephupha ekungekho bani ube nako ukulichaza. Ke ndivile ukuba uyakwazi ukuchaza amaphupha.”

16. UJosefu uphendule ngelithi: “Mhlekazi, andikwazi kuchaza maphupha, koko nguThixo oya kuchazela ukumkani iphupha lakhe.”

17. Ulilawule ke iphupha lakhe ukumkani wenjenje: “Ndiphuphe ndimi phezu komlambo iNayile.

18. Ndabona kuvela iimazi zeenkomo ezisixhenxe ezityebileyo emlanjeni apho, zigramza.

19. Kuvele esinye isixhenxe seemazi ezinqinileyo. Zaziyeyona migqutsuba ndakha ndayibona kwelaseJiputa.

20. Loo migqutsuba ke yazithi bimbilili ezo mazi zityebileyo.

21. Kambe ke ayikhange ibonakale loo nto, kuba zasala ziyiloo migqutsuba kwanjengangaphambili. Ndaphaphama ke.

22. Emva koko ke ndibuye ndaphupha ndibona izikhwebu ezisixhenxe ezihle zengqolowa, zintshula sikhondweni sinye.

23. Kuphinde kwantshula nezinye ezisixhenxe izikhwebu zizibi ngathi zitshazwe lulophu lwasempumalanga,

24. zazithi ginyi-ginyi eziya zikhwebu zihle. Ndiwalawule la maphupha kwizanuse zalapha, kodwa akwabikho namnye unokundichazela.”

25. Uthe ukuphendula uJosefu: “Omabini la maphupha athetha into enye, mhlekazi. UThixo ebekuxelela into aza kuyenza.

26. Iimazi ezityebileyo ezisixhenxe yiminyaka esixhenxe, ukanti nezikhwebu ezihle ezisixhenxe zikwayiminyaka esixhenxe. Athetha into enye omabini la maphupha.

27. Zona iimazi ezisixhenxe ezinqinileyo, ezivele mva, kwakunye nezikhwebu ezisixhenxe ezibi, ezitshaziswe lulophu lwasempumalanga, yiminyaka esixhenxe yendlala.

28. Kunjengokuba besenditshilo, mhlekazi, uThixo ubekuxelela into aza kuyenza.

29. Kuza kubakho iminyaka esixhenxe yendyebo kulo lonke elaseJiputa,

30. emva koko kubekho iminyaka esixhenxe yendlala; yaye yonke loo minyaka yendyebo iya kuba ngathi ayizange yabakho ngenxa yendlala eya kuligqiba lonke ilizwe.

31. Koba ngathi akuzange kubekho ntlutha, kuba indlala eyolandela yoba yeyoyikekayo.

Eyeziqalo 41