14. Ukumkani wathi makabizwe uJosefu, waza ngoko nangoko wakhululwa entolongweni. Akuba etshevile, wanxiba kakuhle, wasiwa kukumkani.
15. Waza wathi ukumkani kuJosefu: “Ndinephupha ekungekho bani ube nako ukulichaza. Ke ndivile ukuba uyakwazi ukuchaza amaphupha.”
16. UJosefu uphendule ngelithi: “Mhlekazi, andikwazi kuchaza maphupha, koko nguThixo oya kuchazela ukumkani iphupha lakhe.”
17. Ulilawule ke iphupha lakhe ukumkani wenjenje: “Ndiphuphe ndimi phezu komlambo iNayile.
18. Ndabona kuvela iimazi zeenkomo ezisixhenxe ezityebileyo emlanjeni apho, zigramza.
19. Kuvele esinye isixhenxe seemazi ezinqinileyo. Zaziyeyona migqutsuba ndakha ndayibona kwelaseJiputa.
20. Loo migqutsuba ke yazithi bimbilili ezo mazi zityebileyo.
21. Kambe ke ayikhange ibonakale loo nto, kuba zasala ziyiloo migqutsuba kwanjengangaphambili. Ndaphaphama ke.
22. Emva koko ke ndibuye ndaphupha ndibona izikhwebu ezisixhenxe ezihle zengqolowa, zintshula sikhondweni sinye.
23. Kuphinde kwantshula nezinye ezisixhenxe izikhwebu zizibi ngathi zitshazwe lulophu lwasempumalanga,
24. zazithi ginyi-ginyi eziya zikhwebu zihle. Ndiwalawule la maphupha kwizanuse zalapha, kodwa akwabikho namnye unokundichazela.”