7. Wamisa iqonga lamadini apho uYakobi, wayithiya loo ndawo ngoThixo waseBhetele. Kaloku kulapho uThixo wazibonakalisayo kuYakobi xa wayebaleka umkhuluwa wakhe.
8. UDibhora impelesi kaRakeli, wabhubhela khona apho, wafihlelwa phantsi komthi wom-oki owawusezantsi kweBhetele. Kwathiwa ke loo ndawo nguM-oki weeNyembezi.
9. UThixo wabuya wavela kuYakobi ukubuya kwakhe ePadan-aram, wabuya wamthamsanqelisa.
10. Wenjenje ukuthetha uThixo: “Kuthiwa igama lakho unguYakobi, kodwa ukususela ngoku kuya kuthiwa unguSirayeli.” Kwaba ke njalo uThixo umthiya igama elinguSirayeli.
11. Wabuya wathi uThixo: “Mna ndinguThixo uSomandla. Ndithi chuma wande. Uya kuba nguyise wesizwe – nditsho izizwe ngezizwe – ube ngukhokho weekumkani.
12. Umhlaba endawunika uAbraham noIsake ndiwunika wena kunye nabazukulwana bakho emva kwakho.”
13. UThixo wamshiya ke apho akugqiba ukuthetha naye.