Eyeziqalo 33:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYakobi wambona uEsawu esiza namakhulu amane amadoda, waza abantwana wabahlula-hlula phakathi koLeya noRakeli namaqadi abo omabini.

2. Wabeka amaqadi nabantwana bawo ngaphambili, weza noLeya nabantwana bakhe, kwaza ekugqibeleni yanguRakeli noJosefu.

3. UYakobi wayengaphambi kwabo, ekhahlela kwada kwakasixhenxe njengokuba wayesiya esondela kumntakwabo.

4. UEsawu wakhawuleza ukuya kuye, waziphosa kuye, wamgona, wamanga. Balila bobabini.

5. Akusinga-singa uEsawu, wabona abo bafazi nabo bantwana, wabuza wathi: “Ngoobani aba uhamba nabo?”“Mhlekazi, ngabantwana endibaphiwe nguThixo,” utshilo uYakobi.

6. Eza amaqadi nabantwana bawo, afika akhahlela.

7. Kwalandela uLeya nabakhe abantwana, kwaza kwagqibela uJosefu noRakeli, nabo bakhahlela.

Eyeziqalo 33