Eyeziqalo 29:3-14 Ibhayibhile (XHO96)

3. Yayisithi yakuthontelana apho imihlambi, abelusi baliqengqe elo litye, bayikhelele amanzi, babuye balibuyisele elo litye, livale umthombo lowo.

4. Wafika wababuza abelusi uYakobi, wathi: “Bafondini, nisuka phi?”Bathe: “Sivela eHaran.”

5. Uthe: “Niyamazi uLabhan, umzukulwana kaNahore apho?”“Siyamazi,” batshilo ukuphendula.

6. “Usaphila kodwa?”“Ewe, usaphila. Nantso selisiza intombi yakhe uRakeli kunye nomhlambi wakhe.”

7. Uthe uYakobi: “Ingekabi loxesha lakuphethula imihlambi emadlelweni nje eli, kutheni ningazisezi nje ezi gusha, niziyeke zitye?”

8. Baphendula bathi: “Asinakuyenza loo nto ingekapheleli imihlambi. Kufuneka yonke ibekho, ukuze siwuvule umthombo, siyiseze.”

9. URakeli wafika nowakhe umhlambi esathetha nâbo belusi uYakobi.

10. UYakobi akubona uRakeli eqhuba imihlambi kaninalume uLabhan, waya kuliqengqa ilitye, wazipha amanzi iigusha.

11. Wandula wamanga uRakeli, elila luvuyo.

12. Wathi kuRakeli: “Ndiyazalana noyihlo; ndizalwa nguRabheka kaloku.”Wabaleka waya kuxelela uyise uRakeli;

13. wathi noyise akuziva ezi ndaba zingomtshana wakhe uYakobi, waya kumhlangabeza wamgona, wamanga, wamngenisa endlwini. Uthe uLabhan akubaliselwa nguYakobi izinto ezenzekileyo,

14. wayingqina into yokuba bayazalana. Wahlala apho inyanga yonke uYakobi.

Eyeziqalo 29