Eyeziqalo 28:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. UIsake wabiza uYakobi, wamsikelela, wathi kuye: “Uze ungathathi nanye kwezi ntombi zaseKanana.

2. Hamba uye kulonyoko ePadan-aram, kwaBhetuweli, uzithathele umfazi apho phakathi kweentombi zikanyokolume uLabhan.

3. Wanga uThixo uSomandla angakusikelela, akunike inzala, yande, ibe zizizwe ezininzi.

4. Wanga uThixo angawagqithisela kuwe nakwinzala yakho amathamsanqa ka-Abraham, niwume loo mhlaba uThixo wayemise kuwo uAbraham kuqala.”

5. Wenjenjalo ke uIsake ukundulula uYakobi, emthumela ePadan-aram kuLabhan unyana kaBhetuweli umAram. Lo Labhan ngumnakwabo-Rabheka unina kaYakobi noEsawu.

6. UEsawu weva ukuba uYakobi usikelelwe wathunyelwa ePadan-aram,Oko kukuthi “kwiMesopotami engentla” ukuba aye kufuna umfazi. Weva nokuba xa wayesikelelwa wayalelwa ukuba angaze athathe umfazi eKanana.

7. Weva nokuba uYakobi wamthobela uyise nonina, waya ePadan-aram.

Eyeziqalo 28