15. URabheka wakhupha ezona zintle iimpahla zikaEsawu awayezigcinile, wazinxiba uYakobi.
16. Wamgquma izandla ngofele lwebhokhwe, wamthandela nasentanyeni.
17. Wamnika oko kutya kunencasa kunye nesonka awayesibhakile.
18. UYakobi wafika kuyise, wathi: “Tata!”Usabele wathi uyise: “Thetha; ungubani, mfo wam?”
19. Uthe uYakobi: “NdinguEsawu, unyana omkhulu. Ndiyenzile into obundithume yona. Nantsi inyama. Vuka utye, uze undisikelele.”
20. Uthe uIsake: “Wakhawuleza kangaka ukufumana inyamakazi? Wenze njani, mfo wam?”Uphendule wathi uYakobi: “Ndincedwe *nguNdikhoyo uThixo wakho, wayizisa ngqo kum.”
21. Uthe ke uIsake kuYakobi: “Khawusondele ke, mfo wam, ndikuve ngesandla ukuba unguye na unyana wam uEsawu.”
22. UYakobi ke wasondela kuyise owamphampathayo ngezandla esithi: “Ilizwi lona lelikaYakobi, kodwa izandla zezikaEsawu.”
23. Akazange amqonde uYakobi, kuba kaloku izandla zazixhonti njengezikaEsawu. Uthe seleza kumsikelela,
24. wabuya wabuza wathi: “Ngaba ngenene ungunyana wam uEsawu?”Waphendula uYakobi esithi: “Ndinguye.”