Eyeziqalo 25:21-33 Ibhayibhile (XHO96)

21. URabheka wayengazali; uIsake wamthandazela *kuNdikhoyo. Weviwa umthandazo wakhe nguNdikhoyo, wathatha uRabheka.

22. Wayekhulelwe amawele, ekwathi engekaveli avukelana esesesizalweni sikanina. Wathi uRabheka: “Sisimanga sini esi sindihlelayo?” Wabhenela kuNdikhoyo ukuba amkhanyisele. Wathi kuye uNdikhoyo:

23. “Uthwele izizwe ezibini;uya kuzala iintlanga ezahlukeneyo,olunye longamele olunye,omkhulu abe phantsi komncinci.”

24. Lakufika ixesha lakhe lokukhululeka, wazala amawele.

25. Iwele elikhulu lalibomvana linga lambeswe ngengubo yoboya, kwathiwa ke nguEsawu igama lalo.

26. Elincinci lavela libambelele nkqi esithendeni sikaEsawu, kwathiwa ke lona nguYakobi. Ukuzalwa kwala mawele uIsake wayeselemashumi mathandathu ubudala.

27. Akukhula la makhwenkwe, uEsawu waba lizingela lomfo othanda ukusoloko esendle. UYakobi yena wathanda ukusoloko esekhaya, ephila ubomi obuzinzileyo.

28. UIsake wayethanda uEsawu, kuba wayemana emzisela inyama yeenyamakazi. URabheka yena wayethanda uYakobi.

29. Ngamini ithile uYakobi esapheka, wafika uEsawu evela kuzingela. Wayefile yindlala.

30. Wathi kuYakobi: “Mfo, andilambe ngako! Khawundiphe kuloo nto ibomvu uyiphekileyo.” Yiyo loo nto uEsawu ekwabizwa ngokuthi nguEdom.

31. Uphendule wathi uYakobi: “Kulungile, ukuba nje unganikezela ngamalungelo akho obuzibulo.”

32. Uthe uEsawu: “Mfondini, ndiyafa! Buza kundenzela ntoni obu buzibulo uthetha ngabo?”

33. Uthe uYakobi: “Funga kuqala ukuba uza kundinika ubuzibulo.”Wafunga ke uEsawu, enikezela ngobuzibulo bakhe kuYakobi.

Eyeziqalo 25