2. UKetura wazala uZimran noYokeshan, uMedan noMidiyan, uIshbhaki noShuwa.
3. UYokeshan wazala uShebha noDedan. Ama-Ashuri la yinzala kaDedan, kunye namaLetushi namaLewumi.
4. Oonyana bakaMidiyan nguHefa noEfere, noHanoki, uAbhida noElda. Ngabazukulwana bakaKetura bebonke ke abo.
5. UAbraham walishiya kuIsake lonke ilifa lakhe.
6. Kodwa ke ngaphambi kokuba abhubhe wabaphawulela noonyana bezindlu ezincinci. Emva koko wabandulula baya kuma kwimihlaba engasempumalanga.
9. Wangcwatyelwa kulaa mqolomba useMakapela ngoonyana bakhe uIsake noIshmayeli. Wawungasempumalanga yeMamre entsimini awayeyifumene kuEfron unyana kaZoware umHeti.
12-13. Naba oonyana bakaIshmayeli unyana ka-Abraham owazalwa nguHagare umJiputakazi owayesisicakakazi sikaSara. Badweliswe ngokuvela kwabo. NguNebhayoti, noKedare, noAdebhele; uMibhesam,
14. uMishma, noDuma, noMasa;
15. uHadadi, noTema; uJeture, noNafishe, noKedama.
16. Ngoonyana bakaIshmayeli ke abo, izizwana ezilishumi linambini. Iilali zabo nezikhululo zabo zathiywa ngamagama abo.
17. UIshmayeli wabhubha enekhulu linamashumi mathathu anesixhenxe ubudala.
18. Isizukulwana sakhe saya kuma kulaa mhlaba uphakathi kweHavila neShure, ngasempumalanga yeJiputa xa ujonge eAsiriya. Babemi bethe geqe kwabanye abazukulwana baka-Abraham.
19. Nanga amagqabantshintshi ngoIsake unyana ka-Abraham.
20. UIsake wayeselemashumi mane eminyaka ubudala ukuthatha kwakhe uRabheka, intombi kaBhetuweli, umAram wasePadan-aram, ekwangudade boLabhan.
21. URabheka wayengazali; uIsake wamthandazela *kuNdikhoyo. Weviwa umthandazo wakhe nguNdikhoyo, wathatha uRabheka.
22. Wayekhulelwe amawele, ekwathi engekaveli avukelana esesesizalweni sikanina. Wathi uRabheka: “Sisimanga sini esi sindihlelayo?” Wabhenela kuNdikhoyo ukuba amkhanyisele. Wathi kuye uNdikhoyo:
23. “Uthwele izizwe ezibini;uya kuzala iintlanga ezahlukeneyo,olunye longamele olunye,omkhulu abe phantsi komncinci.”
24. Lakufika ixesha lakhe lokukhululeka, wazala amawele.
25. Iwele elikhulu lalibomvana linga lambeswe ngengubo yoboya, kwathiwa ke nguEsawu igama lalo.
26. Elincinci lavela libambelele nkqi esithendeni sikaEsawu, kwathiwa ke lona nguYakobi. Ukuzalwa kwala mawele uIsake wayeselemashumi mathandathu ubudala.
27. Akukhula la makhwenkwe, uEsawu waba lizingela lomfo othanda ukusoloko esendle. UYakobi yena wathanda ukusoloko esekhaya, ephila ubomi obuzinzileyo.