2. Uthe uThixo: “Thatha unyana wakho uIsake, lo kanye usenyongweni kuwe, uye naye eMoriya. Uya kufika apho ke, kuloo nduli ndiza kukubonisa yona, umnikele khona abe lidini elitshiswayo.”
3. Kwakusasa ngengomso uAbraham wavuka, wabopha idonki yakhe, wabiza izicaka zazibini kunye noIsake, bacanda iinkuni zokubasa umlilo wedini, banduluka baya kuloo ndawo bekuthiwe ze baye kuyo nguThixo.
4. Ngosuku lwesithathu wayibona isekude loo ndawo uAbraham.
5. Wathi kuloo madoda wayehamba nawo: “Salani apha nina nale donki, mna nale nkwenkwe siza kuya phaya. Sakuthi sakugqiba ukunqula, sibuye.”
6. UAbraham wamthwalisa emagxeni uIsake ezo nkuni, yena waphatha amalahle nemela. Benjenjeya bobabini.