1. Ekuhambeni kwexesha uThixo wamvavanya uAbraham. Wambiza wathi: “Abraham!”Wasabela uAbraham wathi: “Ndim lo, Mhlekazi!”
2. Uthe uThixo: “Thatha unyana wakho uIsake, lo kanye usenyongweni kuwe, uye naye eMoriya. Uya kufika apho ke, kuloo nduli ndiza kukubonisa yona, umnikele khona abe lidini elitshiswayo.”
3. Kwakusasa ngengomso uAbraham wavuka, wabopha idonki yakhe, wabiza izicaka zazibini kunye noIsake, bacanda iinkuni zokubasa umlilo wedini, banduluka baya kuloo ndawo bekuthiwe ze baye kuyo nguThixo.