15. Akuphela amanzi awayewaphethe, wamqhusheka etyholweni umntwana,
16. wemka wathi qelele, wahlala phantsi. Watsho esithi: “Andinakuyinyamezela into yokubona umntwana wam esifa.” Uthe ehleli apho zehla iinyembezi.
17. UThixo wamva ekhala umntwana, kwavakala ilizwi lesithunywa livela ezulwini, lisithi kuHagare: “Ukhathazwa yintoni, Hagare? Sukoyika. UThixo umvile umntwana wakho kulaa ndawo umbeke kuyo.
18. Hamb' uye kumthatha umthuthuzele. Úya kuba ngunozala wesizwe esikhulu.”
19. UThixo wawavula amehlo kaHagare, nako kubonakala umthombo. Waya kuzalisa loo ntsuba, waseza nomntwana wakhe.
20-21. UThixo wamgcina loo mntwana, wakhula ehlala kuloo ntlango yaseParan. Waba yincutshe yomzingeli. Unina wamthathela intombi engumJiputakazi.
22. Ngelo xesha kwafika uAbhimeleki ehamba noPikoli umphathi-mkhosi, wathi kuAbraham: “Yonke into oyenzayo inesandla sikaThixo kuyo, Abraham.
23. Ngoko ke khawufunge ngoku apha phambi koThixo ukuba akusokuze undixokise mna nabantwana bam kunye nabazukulwana bam. Mna ndinyanisekile kuwe, nawe ke ndithembise ukuba uya kunyaniseka kum nakubemi beli lizwe uhlala kulo.”