3. Zontlanu ezi kumkani zaqukanisa imikhosi yazo entilini yeSidim, ngoku eluLwandle oluFileyo.
4. Zaziphantsi koKedor-lahomere ishumi elinambini leminyaka. Zamvukela kodwa kulo weshumi elinantathu.
5. Kunyaka weshumi linane uKedor-lahomere namakholwane akhe badibanisa imikhosi yabo, bawachitha amaRafa eAshtaroti-karnayim, amaZuzi eHam, namaEma ethafeni laseKiriyatayim.
6. AmaHori bawadudula kwezo nduli zaseSeyire, bawasukela aya kutsho e-Elparan ngasentlango.
7. Babuyela eKadeshe, ekwakusithiwa yiEn-mishpati ngoko. Balihlutha lonke ilizwe lama-Amaleki nama-Amori awayemi eHazezon-tamare.
8. Zaphuma iikumkani zaseSodom, eGomora, eAdama, eZebhoyim, naseBhela, le kuthiwa yiZoware, zayikhupha imikhosi yazo ukusinga edabini kuloo ntili yaseSidim.
9. Zaqubisana apho ezi kumkani zintlanu neekumkani ezine: ooKedor-lahomere wase-Elam, noTidali waseGoyi, noAmrafele waseBhabheli, noAriyoki wase-Elasare.
10. Kuloo ntili kwakukho imihadi enetha. Zithe xa zibalekayo edabini iikumkani zaseSodom naseGomora, amanye amajoni eyela kuloo mihadi. Asindileyo abalekela ezintabeni.
11. Iikumkani ezine zathimba yonke into eSodom naseGomora, zemka kunye nokutya.
12. ULothe unyana womninawa ka-Abram wayehlala eSodom, zamthimba kunye nempahla yakhe.
13. Kwabakho ndoda ithile yasindayo, eyabaleka yaya kuxelela uAbram umHebhere owayehlala ngakwimithi kaMamre umAmori. UMamre nabantakwabo uEshkoli noAnere babengamakholwane ka-Abram.
14. Akuva uAbram ukuba isizalwane sakhe sithinjiwe, wabiza onke amadoda akhe. Ayengamakhulu amathathu aneshumi elinesibhozo ewonke. Wazisukela zone ezo kumkani, wada waya kutsho kwaDan.
15. Wawahlula angamaqela ngamaqela amadoda akhe, wawuhlasela loo mkhosi kwakuhlwa. Wawoyisa, wawusukela waya kufika eHobha entla kweDamasko.
16. Wabuya nawo amaxhoba ababewahluthile. Wabuya naye noLothe nempahla yakhe, kunye nabafazi nezicaka.
17. Ukubuya kwakhe uAbram ekulweni noKedor-lahomere namakholwane akhe, wahlangatyezwa ngukumkani waseSodom entilini yaseShawe, ekuthiwa yiNtili kaKumkani.
18. UMelkizedeki owayengukumkani waseSalem ekwangumbingeleli woThixo uPhezukonke, weza nesonka newayini.
19. Wathamsanqelisa uAbram esithi:“UThixo uPhezukonke, owênza izulu nomhlaba,wanga angakuthamsanqelisa, Abram!