Eyeziqalo 14:16-24 Ibhayibhile (XHO96)

16. Wabuya nawo amaxhoba ababewahluthile. Wabuya naye noLothe nempahla yakhe, kunye nabafazi nezicaka.

17. Ukubuya kwakhe uAbram ekulweni noKedor-lahomere namakholwane akhe, wahlangatyezwa ngukumkani waseSodom entilini yaseShawe, ekuthiwa yiNtili kaKumkani.

18. UMelkizedeki owayengukumkani waseSalem ekwangumbingeleli woThixo uPhezukonke, weza nesonka newayini.

19. Wathamsanqelisa uAbram esithi:“UThixo uPhezukonke, owênza izulu nomhlaba,wanga angakuthamsanqelisa, Abram!

20. UThixo uPhezukonke okoyiseleyo iintshaba zakho, makadunyiswe.”Waza ke uAbram wakhupha izishumi zamaxhoba emfazwe, wanikela kuMelkizedeki.

21. Wathi ukumkani waseSodom kuAbram: “Wathathe onke amaxhoba, undinike nje abantu bam.”

22. Wathi uAbram: “Ndiyafunga, uThixo uyazi, *uNdikhoyo uPhezukonke, umenzi wezulu nelizwe!

23. Andiyi kuthatha nto yakho konke, nditsho nokuba ngumsonto lo okanye umtya wembadada. Ndifuna ungaze utsho ukuthi: ‘UAbram watyetyiswa ndim.’

24. Mna andiyi kuthatha nto konke, ngaphandle nje kokutya okutyiwe ngabantu bam. Kodwa wona amakholwane am, uAnere noEshkoli noMamre, mabayifumane bona eyabo inxaxheba.”

Eyeziqalo 14