Eyemfuduko 38:7-24 Ibhayibhile (XHO96)

7. waza wayifaka kulaa makhonkco ngapha nangapha. Iqonga elo ke walenza langumhaba-haba nje.

8. Waza ke uBhezaleli wenza isitya sokuhlambela ngobhedu; nesiseko saso wasenza kwangobhedu. Olu bhedu ke baluthatha kwizipili zobhedu ezanikezelwa ngamakhosikazi awayelungiselela apho esangweni *lesibingelelo.

9. *Isibingelelo ke uBhezaleli wasenzela inkundla ngomkhusane owenziwe ngelaphu elisontwe ngobuchule. Kwicala langezantsi lo mkhusane wawuziimitha ezimashumi mane nane ubude.

10. Wawumisa ngeentsika zobhedu ezimashumi mabini, zixhaswe ziziseko zobhedu ezimashumi mabini, waza wenza namahaki nemiqadi ngesiliva.

11. Nakwicala langasentla ke wayenza kwangolu hlobo.

12. Ngasentshona ke umkhusane wawenza ngelaphu eliziimitha ezimashumi mabini nambini ubude, wawenzela neentsika ezilishumi, zaxhaswa ziziseko ezikwalishumi; wenza namahaki nemiqadi ngesiliva.

13. Kwicala lasempuma, apho kwakukho isango, umkhusane wawuziimitha ezimashumi mabini nambini ububanzi.

16. Umkhusane wenkundla jikelele wawenza ngelaphu elisontwe ngobuchule.

17. Iziseko zeentsika wazenza ngobhedu; ke wona amahaki nemiqadi wayenza ngesiliva, futhi neentloko zeentsika wazityabeka kwangayo. Iintsika zenkundla zonke wazidibanisa ngemiqadi yesiliva.

18. Umkhusane wesango lenkundla wawenza ngelaphu elisontwe ngobuchule, liyile mibala: ozuba, omsobo, obomvu, wawaqhoqhonya wawahombisa ngobunono. Umkhusane wawuziimitha ezilithoba ubude, zimbini ukuphakama, kwanjengalowo wenkundla.

19. Lalixhaswe ziintsika ezine, zimi ngeziseko ezikwazine zobhedu. Iintloko zeentsika wazityabeka ngesiliva, futhi namahaki nemiqadi wayenza kwangayo.

20. Zonke izikhonkwane zesibingelelo ndawonye nenkundla jikelele wazenza ngobhedu.

21. Nabu ubungakanani bezinto ezasetyenziswayo ekwakhiweni *kwesibingelelo apho kwakuhlala khona amacwecwe amabini amatye ekwakubhalwe kuwo imithetho elishumi. Uludwe olu lwagunyaziswa nguMosis, lwenziwa ngabaLevi, bekhokelwa nguItamare unyana ka-Aron.

22. UBhezaleli unyana kaUri, umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, wenza yonke into ngokomyalelo *kaNdikhoyo.

23. Ugxa wakhe uHoliyabhi, unyana ka-Ahisamaki, wendlu kaDan, wayengumkroli nomyili, engumluki wamalaphu asontwe ngobugcisa: azuba, amsobo, nabomvu.

24. Iyonke igolide eyanikelwa kuNdikhoyo ngenjongo yokwakha isibingelelo yayiliwaka leekhilogram ubunzima ngokomlinganiselo ovunyiweyo.

Eyemfuduko 38