Eyemfuduko 38:14-15-24 Ibhayibhile (XHO96)

2. Izibonda zalo ezikoneni phaya wazenza zalabalaba zenza iimpondo. Walityabeka ngobhedu jikelele.

3. Ngokunjalo ke walenzela izixhobo zalo: iimbiza zokukhongozela uthuthu, iifotsholo, izitya, iifolokhwe, neepleyiti zomlilo. Zonke ezi zixhobo wazenza ngobhedu.

4. Wenza isisefu ngobhedu, waza wasifaka phantsi kongqameko olujikeleze iqonga, ngohlobo lokuba sithathe isiqingatha sokuphakama kweqonga.

5. Ezikoneni phaya wafakela amakhonkco okungena imiqobo yesisefu.

6. Wenza nemiqobo yokuphatha ngomngampunzi, wayityabeka ngobhedu,

7. waza wayifaka kulaa makhonkco ngapha nangapha. Iqonga elo ke walenza langumhaba-haba nje.

8. Waza ke uBhezaleli wenza isitya sokuhlambela ngobhedu; nesiseko saso wasenza kwangobhedu. Olu bhedu ke baluthatha kwizipili zobhedu ezanikezelwa ngamakhosikazi awayelungiselela apho esangweni *lesibingelelo.

9. *Isibingelelo ke uBhezaleli wasenzela inkundla ngomkhusane owenziwe ngelaphu elisontwe ngobuchule. Kwicala langezantsi lo mkhusane wawuziimitha ezimashumi mane nane ubude.

14-15. Ngapha nangapha esangweni umkhusane wawenza waziimitha ezintandathu mashumi omathandathu eesentimitha; wawenzela neentsika ezintathu, zaxhaswa ziziseko ezikwazithathu.

16. Umkhusane wenkundla jikelele wawenza ngelaphu elisontwe ngobuchule.

17. Iziseko zeentsika wazenza ngobhedu; ke wona amahaki nemiqadi wayenza ngesiliva, futhi neentloko zeentsika wazityabeka kwangayo. Iintsika zenkundla zonke wazidibanisa ngemiqadi yesiliva.

18. Umkhusane wesango lenkundla wawenza ngelaphu elisontwe ngobuchule, liyile mibala: ozuba, omsobo, obomvu, wawaqhoqhonya wawahombisa ngobunono. Umkhusane wawuziimitha ezilithoba ubude, zimbini ukuphakama, kwanjengalowo wenkundla.

19. Lalixhaswe ziintsika ezine, zimi ngeziseko ezikwazine zobhedu. Iintloko zeentsika wazityabeka ngesiliva, futhi namahaki nemiqadi wayenza kwangayo.

20. Zonke izikhonkwane zesibingelelo ndawonye nenkundla jikelele wazenza ngobhedu.

21. Nabu ubungakanani bezinto ezasetyenziswayo ekwakhiweni *kwesibingelelo apho kwakuhlala khona amacwecwe amabini amatye ekwakubhalwe kuwo imithetho elishumi. Uludwe olu lwagunyaziswa nguMosis, lwenziwa ngabaLevi, bekhokelwa nguItamare unyana ka-Aron.

22. UBhezaleli unyana kaUri, umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, wenza yonke into ngokomyalelo *kaNdikhoyo.

23. Ugxa wakhe uHoliyabhi, unyana ka-Ahisamaki, wendlu kaDan, wayengumkroli nomyili, engumluki wamalaphu asontwe ngobugcisa: azuba, amsobo, nabomvu.

24. Iyonke igolide eyanikelwa kuNdikhoyo ngenjongo yokwakha isibingelelo yayiliwaka leekhilogram ubunzima ngokomlinganiselo ovunyiweyo.

Eyemfuduko 38