1. “Nantsi ke imimiselo oya kuyinika amaSirayeli:
2. Umntu othe wathenga ikhoboka elingumHebhere liya kumkhonza iminyaka ibe mithandathu, lize ngowesixhenxe likhululwe lingahlawulelwanga nto.
3. Ukuba langena ebukhobokeni lilisoka, liya kumka lilodwa. Kanti ke ukuba langena ebukhobokeni linomfazi, liya kukhululeka kunye naye.
4. Xa lifike lingenamfazi, yaza inkosi yalo yalinika umfazi, waza wazala abantwana, abo bantwana nalo mfazi ngabenkosi yalo; xa likhululekayo liya kubashiya apho.
5. Kodwa ke xa lithe ngokuphandle: ‘Hayi, ndiyakholwa yinkosi yam, ndiyamthanda nomkam, ngokunjalo nabantwana bam, ngoko ke ndikhetha ukungakhululeki,’
6. inkosi yalo ke iya kulithatha ilise *esibingelelweni phambi kukaThixo; apho ke iya kulayamisa elucangweni okanye emgubasini, ize iligqobhoze indlebe ngenyatyhoba. Yakuba ilenjenjalo ke, liya kuba ngumkhonzi wayo bonke ubomi balo.
7. “Xa umntu ethengise intombi yakhe yalikhoboka, yona ayinakukhululeka okwekhoboka eliyindoda.
8. Ukuba indoda leyo ibiyithengile ukuba ibe ngumfazi wayo, ize ithi kamva inganeliseki yiyo, kufuneka ivumele abantu bakowayo ukuba bayikhulule ngokuyithenga. Akuvumelekanga ukuba isuke iyithengise kwabasemzini; kaloku izaphule izigqibo.
9. Ukuba iyithengele unyana wayo, mayiyiphathe njengentombi yayo.