1. Ke kaloku amaSirayeli anduluka e-Elim, aza athi ngenyanga yesibini kusuku lweshumi elinesihlanu andulukayo eJiputa, agaleleka kwintlango iSin. Yona ke iphakathi kwe-Elim neSinayi.
2. Kanye ke apho kuloo ntlango amaSirayeli abakhalazela ooMosis noAron,
3. athi kubo: “Akwaba *uNdikhoyo wayesibulalele eJiputa. Kaloku noko khona sasisitya inyama; kanti ke nokunye ukutya sasikutya side sikushiye. Kuba kucacile nisizise kule ntlango ukuze eli bandla xa lilonke nilichane ngendlala life.”
4. UNdikhoyo wathetha noMosis wathi: “Uyabona ke ndiza kuthoba ukutya kune njengemvula, ukuze nonke nitye. AmaSirayeli makaphume aye kuzicholela ukutya okulingene imini mihla le. Ndizimisele ukukhe ndiwavavanye ndiwaqonde ukuba azimisele na ukuwuthobela umyalelo wam.
5. Kodwa ke ngomhla wesithandathu makaqokelele azilungiselele ukutya kwemihla emibini.”
6. Ngoko ke uMosis noAron bathetha nawo amaSirayeli, bathi: “Ngokuhlwanje niza kuqonda ukuba nguNdikhoyo owanikhupha eJiputa,