Eyemfuduko 16:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku amaSirayeli anduluka e-Elim, aza athi ngenyanga yesibini kusuku lweshumi elinesihlanu andulukayo eJiputa, agaleleka kwintlango iSin. Yona ke iphakathi kwe-Elim neSinayi.

2. Kanye ke apho kuloo ntlango amaSirayeli abakhalazela ooMosis noAron,

3. athi kubo: “Akwaba *uNdikhoyo wayesibulalele eJiputa. Kaloku noko khona sasisitya inyama; kanti ke nokunye ukutya sasikutya side sikushiye. Kuba kucacile nisizise kule ntlango ukuze eli bandla xa lilonke nilichane ngendlala life.”

4. UNdikhoyo wathetha noMosis wathi: “Uyabona ke ndiza kuthoba ukutya kune njengemvula, ukuze nonke nitye. AmaSirayeli makaphume aye kuzicholela ukutya okulingene imini mihla le. Ndizimisele ukukhe ndiwavavanye ndiwaqonde ukuba azimisele na ukuwuthobela umyalelo wam.

5. Kodwa ke ngomhla wesithandathu makaqokelele azilungiselele ukutya kwemihla emibini.”

6. Ngoko ke uMosis noAron bathetha nawo amaSirayeli, bathi: “Ngokuhlwanje niza kuqonda ukuba nguNdikhoyo owanikhupha eJiputa,

7. kuba ngomso kusasa niya kukubona ukuqaqamba kobukho bukaNdikhoyo. Kaloku yena uzivile izikhalazo zenu; gxebe besingoobani ukuba ningade nisikhalazele thina?”

8. UMosis waqhuba wathi: “UNdikhoyo uza kunipha inyama, nitye ngokuhlwa, kanti nakusasa uza kunipha isonka, nitye nihluthe, kuba uzivile izikrokro zenu enimkhalazela ngazo. Kakade ke besingoobani thina? Hayi bo! Anikrokreli thina, nikrokrela uNdikhoyo!”

9. UMosis wayalela uAron ukuba axelele amaSirayeli aphume aye kubonana noNdikhoyo njengoko ezivile izikhalazo zawo.

10. Esathetha nje uAron, athe amaSirayeli akukhangela ngasentlango abubona ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bubengezela efini.

11. Wathi ke uNdikhoyo kuMosis:

12. “Xelela amaSirayeli ukuba ndizivile izikhalazo zawo; ngoko ke ngokuhlwa ndiya kuwanika inyama atye, ndize ngentsasa elandelayo ndiwaphe intaphane yesonka, khon' ukuze andiqonde ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wawo.”

13. Kwathi ke ngongcwalazi kwagaleleka igquba lwezagwityi, lwathi khakhalala kuyo yonke loo ndawo ayemise kuyo amaSirayeli. Kanti ke ngengomso kwasa kulele umbethe.

Eyemfuduko 16