Eyemfuduko 15:23-27 Ibhayibhile (XHO96)

23. Ngelikade baya kufika kwindawo ekuthiwa yiMara. Apha ke bawafumana amanzi, koko ayekrakra engaseleki. Kungenxa yeso sizathu kwakusithiwa nguKrakrayo nje igama layo.

24. Ke kaloku amaSirayeli amkhalazela uMosis, athi: “Uthi siza kusela ntoni ke?”

25. UMosis wakhala *kuNdikhoyo, waza ke yena wathi makakhe ihlamvu lomthi othile, alifake emanzini apho. Akuba enjenjalo ke, baphela ubukrakra emanzini, aba nokuselwa.Apha ke kulapho wabanika imimiselo yokuziphatha uNdikhoyo, wabavavanya.

26. Wenjenje ukuthetha: “Ukuba nithe nandithobela ngokupheleleyo, nenza okuhle nokufanelekileyo ngokuhamba ngemimiselo yam, soze ndinohlwaye ngezibetho nezifo endaziwisela amaJiputa. Kaloku mna ndinguNdikhoyo, ugqirha wenu.”

27. Kamva ke bafika e-Elim, apho kwakukho imithombo elishumi elinambini, nemithi yesundu engamashumi asixhenxe. Bahlala ke bakhe baphumla kufuphi naloo manzi.

Eyemfuduko 15