23. Ngelikade baya kufika kwindawo ekuthiwa yiMara. Apha ke bawafumana amanzi, koko ayekrakra engaseleki. Kungenxa yeso sizathu kwakusithiwa nguKrakrayo nje igama layo.
24. Ke kaloku amaSirayeli amkhalazela uMosis, athi: “Uthi siza kusela ntoni ke?”
25. UMosis wakhala *kuNdikhoyo, waza ke yena wathi makakhe ihlamvu lomthi othile, alifake emanzini apho. Akuba enjenjalo ke, baphela ubukrakra emanzini, aba nokuselwa.Apha ke kulapho wabanika imimiselo yokuziphatha uNdikhoyo, wabavavanya.
26. Wenjenje ukuthetha: “Ukuba nithe nandithobela ngokupheleleyo, nenza okuhle nokufanelekileyo ngokuhamba ngemimiselo yam, soze ndinohlwaye ngezibetho nezifo endaziwisela amaJiputa. Kaloku mna ndinguNdikhoyo, ugqirha wenu.”
27. Kamva ke bafika e-Elim, apho kwakukho imithombo elishumi elinambini, nemithi yesundu engamashumi asixhenxe. Bahlala ke bakhe baphumla kufuphi naloo manzi.