Eyasentlango 5:16-25 Ibhayibhile (XHO96)

16. “Umbingeleli ke uya kumthatha umfazi lowo, ammise *esibingelelweni phambi koNdikhoyo.

17. Uya kuthatha amanzi awodwa, awagalele engqayini, aze akhe umhlaba apho phantsi esibingelelweni, awugalele kuloo manzi, ukuze akrakre.

18. Uya kusuka ke azikhulule iinwele zomfazi lowo, amnike loo mgubo womnikelo, awuphathe ngesandla. Ke yena umbingeleli uya kuphatha laa ngqayi inamanzi akrakrayo azisa ishwangusha kumntu onetyala.

19. Umbingeleli ke uya kumfungisa umfazi lowo esithi: ‘Ukuba kuthe kanti awukhange ube nanto yakwenza nandoda yimbi, uza kuba msulwa kwishwangusha eliziswa ngala manzi.

20. Kambe ke ukuba ngenene ukrexezile,

21. wanga uNdikhoyo angalenza isiqalekiso igama lakho phakathi kwamawenu. Wanga ungahlala uphuma isisu, okanye uNdikhoyo akubethe ngegalimoya.

22. Ngenene akwaba la manzi aya kusitsho isisu sakho sibe negalimoya, okanye uhlale uphuma isisu.’“Umfazi lowo ke uya kuphendula athi: ‘Makube njalo.’

23. “Umbingeleli ke uya kusibhala esi siqalekiso, aze aphinde awuhlambe umbhalo lowo, ungene kulaa ngqayi inamanzi akrakrayo.

24. Emva kokuba umbingeleli emseze umfazi lowo la manzi anokumenza aphathwe ngamahlaba,

25. uya kuthatha laa mgubo womnikelo usesandleni sakhe, awuwanga-wangise phambi koNdikhoyo, awubeke kwiqonga lamadini.

Eyasentlango 5