9. Ukunduluka kwawo apho ke aya kumisa e-Elim, kuba khona kwakukho imithombo yamanzi elishumi elinambini nemithi yesundu engamashumi asixhenxe.
10. Ukushiya kwawo iElim aya kumisa ngakuLwandle oluBomvu.
11. Nalapho aphuma aya kungena kwintlango yeSin.
12. Akuphuma apho aya kumisa eDofeka
13. naseAlushe.
14. Kamva ke aya kutsho eRefidim, apho afika engekho amanzi okusela.
40. Ke kaloku ukumkani waseAradi owayekumazantsi eKanana weva ngokuza kwamaSirayeli.
50. Ke kaloku kwathi xa alapho kuloo mathafa aseMowabhi phesheya kweJordan malunga neJeriko, *uNdikhoyo wanika uMosis le miyalelo,
51. wathi makayigqithisele kumaSirayeli, wathi: “Nakuyiwela iJordan, ningene kwelaseKanana,
52. ze nibakhuphe nibagxothe abemi bakhona. *Izithixo zabo ezenziwe ngobhedu nangamatye ze nizitshabalalise ndawonye neendawo abanqulela kuzo.
53. Ze nime nizinze kuloo mhlaba wabo, kuba niwuphiwa ndim.
54. Loo mhlaba wabo ze niwahlula-hlulele izindlu nemizi yenu *ngamaqashiso; imizi leyo ke ze niyabele ngokobubanzi bayo.
55. Kambe ke ukuba anibagxothanga bonke abemi balo, abo baseleyo boba yinkathazo njengeliso eliphandliweyo kuni, okanye kufane nokuba nihlatywe ngameva; ewe, bojika banilwe.
56. Ngaphezu koko ke ukuba anibagxothanga ndonitshabalalisa njengoko ndandizimisele ukutshabalalisa bona kakade.”