5. wathumela kuBhalam unyana kaBhehore owayesePetore ngakumlambo iEfrati, kumhlaba wamawabo. Umyalezo lowo wawusithi: “Ndiyakwazisa ukuba kukho isizwe esifikileyo apha siphuma eJiputa. Abantu baso banwenwele kulo lonke eli, futhi sebefike kwimida yam.
6. Ngokwamanani bangaphezu kwethu; ngoko ke nceda uze kubaqalekisa. Mhlawumbi xa ubaqalekisile singanako ukuboyisa, sibadudule baphume kweli lizwe. Kaloku ndiyazi ukuba xa uthe wabathamsanqela abantu, bayathamsanqeleka; ukanti xa uthe waqalekisa, abantu bahlelwa lishwangusha.”
7. Zasuka ke iinkokheli zamaMowabhi nezamaMidiyan zahamba ziphethe intlawulo kaBhalam. Zakufika kuye zawugqithisa umyalezo kaBhalaki.
8. UBhalam wathi kuwo la madoda: “Lalani. Mna ndonazisa ngomso into endiyixelelwe *nguNdikhoyo.” Ngenene ke amatshawe amaMowabhi alala apho kwaBhalam.
9. UThixo wafika, wabuza uBhalam, wathi: “Ngoobani la madoda unawo apha?”
10. Ke yena waphendula wathi: “UBhalaki, ukumkani waseMowabhi, unyana kaZipore, uthumele kum, wathi:
11. ‘Kukho isizwe esifikileyo siphuma eJiputa. Ngoku sinwenwela kuwo wonke umhlaba. Yiza usiqalekise eso sizwe, khon' ukuze ndibe nako ukusoyisa ndisidudule simke.’ ”
12. UThixo wathi kuBhalam: “Uze ungahambi nala madoda; uze ungabaqalekisi abo bantu, kuba bathamsanqelekile.”
13. Ngengomso ke uBhalam wabandulula abathunywa bakaBhalaki, wathi: “Buyelani ezweni lenu, kuba uNdikhoyo akavumi ukuba ndihambe nani.”
14. Ngoko ke bagoduka, bafika bamxelela uBhalaki ukuba uBhalam walile ukuhamba nabo.