Eyasentlango 21:7-22 Ibhayibhile (XHO96)

7. AmaSirayeli ke athi akuqonda ukuba enze imposiso, aya kuMosis, avuma athi: “Sonile ngokukrokrela uNdikhoyo ndawonye nawe. Khawusitarhuzisele, uNdikhoyo azisuse ezi nyoka.” Ngoko ke uMosis wawathandazela amaSirayeli.

8. UNdikhoyo ke wathi kuMosis: “Yenza umfanekiso wenyoka, uwuxhome esibondeni, khon' ukuze athi nabani na olunywe yinyoka akhangele kuyo, aphile.”

9. Ngenene ke uMosis wayenza inyoka ngobhedu, wayixhoma esibondeni. Nabani na ke olunywe yinyoka wayekhangela apho kuloo nyoka yobhedu, atsho aphile.

10. AmaSirayeli ke anduluka, aya kumisa eObhoti.

11. Nalapha ke anduluka, aya kutsho kwi-Iye-abharim kwintlango esempuma yomhlaba wamaMowabhi.

12. Ukusuka apho ke aya kumisa kwintili yaseZerede.

13. Ukuphuma apha ke aya kumisa kwicala elingentla komlambo iAnoni, kwintlango ehamba iyokuthi xhaxhe kumhlaba wama-Amori. Ke iAnoni le yayingumda owahlula amaMowabhi kuma-Amori.

14. Yiyo loo nto ke iNcwadi yamaDabi *kaNdikhoyo ithetha ngezi ndawo nje:“Idolophu iWahebhi kwingxingwa kaSufa;umlambo iAnoni,

15. namathambeka eentilieziyokuthi xhaxhe ngedolophu iAra,ukuya kuqhina kumda wamaMowabhi.”

16. Ukuphuma apho ke aya kufika kwindawo ekuthiwa kuseBhere. Lelaa qula ke eli apho uNdikhoyo wathi uMosis makawaqokelele amaSirayeli, azokuwapha amanzi.

17. Ngelo thuba ke amaSirayeli amemelela enjenje:“Khawutsabis' amanzi, qulandini!Ke thina sowamkela ngengoma.

18. Iqula elimbiwe ngamatshawe,elingumsebenzi wezikhulu zasebantwini;elimbiwe ngomsimbithi wasebhotwe,ngokunjalo neentonga zakhona.”Ukuphuma apho entlango ke baya kugaleleka eMatana;

19. baza ke ngokunjalo bagqitha eNahalile naseBhamoti,

20. bandula ke ukuya kufika kwintili ekumhlaba wamaMowabhi, phantsi kwentaba iPisga ekrobele umqwebedu.

21. AmaSirayeli athumela izigidimi kuSihon ukumkani wama-Amori, athi:

22. “Sivumele sinqumle elizweni lakho. Asiyi kuphambukela emasimini okanye ezidiliyeni, okanye sisele amanzi emaquleni. Siya kuhamba ngqo ngohola, side siphume emhlabeni wakho.”

Eyasentlango 21