10. Yena noAron bawaqokelela onke amaSirayeli apho phambi kweliwa, waza wathi uMosis: “Phulaphulani, nina baqhankqalazi! Ngaba nifuna sikhuphe amanzi kweli liwa?”
11. UMosis wayiphakamsa intonga, walibetha kabini iliwa elo, kwaza ke kwampompoza amanzi, abantu ndawonye nemfuyo basela.
12. UNdikhoyo wabhekisa kuMosis noAron wathi: “Ngenxa yokungandithembi nokungandiniki imbeko phambi kwamaSirayeli, anisayi kulikhokela eli bandla nilingenise kwelo lizwe ndalithembisa lona.”
13. Esi siganeko ke sehla eMeribha apho amaSirayeli amkhalazela khona uNdikhoyo. Ke yena wazibonakalisa kuwo ukuba ungcwele.
14. Ke kaloku uMosis wakhupha abathunywa, baya kukumkani wase-Edom, esithi: “Nanku umyalezo ovela kubantakwenu amaSirayeli: ‘Uyazazi iinzingo ezasihlelayo.
15. Kaloku ookhokho bethu bafudukela eJiputa, apho sahlala khona iminyaka ngeminyaka. AmaJiputa ke abaphatha kakubi ndawonye nathi.
16. Sasuka ke sazibika *kuNdikhoyo, waza ke yena wasabela, wathumela isithunywa sakhe, wasikhupha eJiputa. Ngoku ke naku silapha eKadeshe, idolophu esemideni yakho.
17. Sicela ukuba usivumele sinqumle kulo mhlaba wakho. Siyathembisa ukuba thina nemfuyo yethu siya kuhamba ngqo ngendlela, singaphambukeli emasimini nakwizidiliya zakho, singayi kukhe sisele nakumaqula akho. Ewe, siya kuthi ngqo ngohola, singaphambuki side siphume emhlabeni wakho.’ ”
18. Ke wona amaEdom aphendula athi: “Unotshe! Akuyi kucanda apha. Ukungena oku kwakho ndiya kuphuma ndikuhlasele.”
19. AmaSirayeli aphendula esithi: “Siya kuhamba ngqo ngohola. Ukuba thina okanye impi yethu ithe yasela amanzi akho, siya kuwahlawulela. Inye into esiyifunayo, kukunqumla ngeenyawo.”