3. alinikezele kuElazare umbingeleli. Lothathwa ke likhutshelwe ngaphandle komzi wamaSirayeli, apho loxhelelwa khona ekho.
4. UElazare ke uya kuthi nkxu umnwe egazini apho, aze atshize kasixhenxe ejongise kwisango lesibingelelo.
5. Xa iyonke ke loo nkomo, ufele nenyama, igazi namathumbu, mazitshiswe apho phambi kombingeleli ejongile njalo.
6. Ke yena uya kuthatha ukhuni lomsedare, ihlamvu lehisopu, nomtya obomvu, aziphose phezu kwelo thokazi litshiswayo.
7. Kamva ke makahlambe iimpahla zakhe, ngokunjalo nomzimba, aze ke abe nokubuyela emzini. Kambe ke uya kuhlala engekahlambuluki kude kuhlwe.
8. Naloo mntu ubetshisa le nkomo kufuneka ahlambe iimpahla nomzimba, kodwa naye akayi kuhlambuluka de kube ngorhatya.
9. Uthuthu lweli thokazi ke maluwolwe yindoda ehlambulukileyo, ilubeke endaweni ehlambulukileyo, kwalapho ngaphandle komzi wamaSirayeli, apho luya kugcinwa khona libandla, ukuze amaSirayeli alusebenzise xa esenza amanzi entlambululo okususa isono.
10. Loo mntu ubebutha uthuthu makazihlambe iimpahla zakhe, kodwa ke akayi kuhlambuluka kude kuhlwe. Lo mmiselo ke soze uthini nanini nanini; ngoko ke mawuthotyelwe ngamaSirayeli ngokunjalo nabangeneleli.”
11. “Nabani na ochukumise isidumbu woba *ugqwalisekile iintsuku ezisixhenxe.
12. Ngoko ke kofuneka azihlambulule ngamanzi entlambululo kusuku lwesithathu, ngokunjalo nangolwesixhenxe, ukuze abe uhlambulukile. Kambe ke ukuba akazihlambululanga kuzo zombini ezi ntsuku, olwesithathu nolwesixhenxe, akayi kuhlambuluka.
13. Ke yena ochukumise isidumbu waza akazihlambulula, ugqwalisa *isibingelelo *sikaNdikhoyo. Umntu onjalo makasikwe kwaSirayeli; kaloku akatshizwanga ngamanzi entlambululo. Wohlala egqwalisekile.