10. Loo mntu ubebutha uthuthu makazihlambe iimpahla zakhe, kodwa ke akayi kuhlambuluka kude kuhlwe. Lo mmiselo ke soze uthini nanini nanini; ngoko ke mawuthotyelwe ngamaSirayeli ngokunjalo nabangeneleli.”
11. “Nabani na ochukumise isidumbu woba *ugqwalisekile iintsuku ezisixhenxe.
12. Ngoko ke kofuneka azihlambulule ngamanzi entlambululo kusuku lwesithathu, ngokunjalo nangolwesixhenxe, ukuze abe uhlambulukile. Kambe ke ukuba akazihlambululanga kuzo zombini ezi ntsuku, olwesithathu nolwesixhenxe, akayi kuhlambuluka.
13. Ke yena ochukumise isidumbu waza akazihlambulula, ugqwalisa *isibingelelo *sikaNdikhoyo. Umntu onjalo makasikwe kwaSirayeli; kaloku akatshizwanga ngamanzi entlambululo. Wohlala egqwalisekile.
14. “Nanku ummiselo ophathelele malunga nomntu ofele endlwini: nabani na olapho ngelo xesha, okanye ongenayo, uya kuba ugqwalisekile iintsuku zide zibe sixhenxe.
15. Ngokunjalo nayiphi na ingqayi okanye imbiza engacikwanga yogqwaliseka nayo.