Eyasentlango 18:11-18 Ibhayibhile (XHO96)

11. “Nayiphi na eminye iminikelo enikelwa kum ngamaSirayeli yeyenu. Ndiyipha wena noonyana neentombi zakho, isisabelo senu esisisigxina. Yona ke yotyiwa nguye nabani na *ongenamlaza kwintsapho yakho.

12-13. “Ndikunika lonke ulibo lwezilimo oluziswa ngamaSirayeli kuNdikhoyo: amafutha omnquma, iwayini, nengqolowa. Zonke ke zoba zezakho, zityiwe ngabo bonke abangenamlaza kwintsapho yakho.

14. “Yonke into kwaSirayeli enikelwe kuNdikhoyo qwaba yeyakho.

15. Lonke izibulo, elomntu nelemfuyo, elinikelwa ngamaSirayeli kum, lelakho. Kodwa ke makahlawulelwe umntwana wamazibulo, nezibulo lesilwanyana esingàtyiwayo ngokunjalo.

16. Amazibulo makahlawulelwe xa anenyanga enye ezelwe, kukhutshwe ixabiso eliziingqekembe zesiliva ezintlanu ngokomlinganiselo ovunyiweyo.

17. Kambe ke amazibulo eenkomo, iigusha, neebhokhwe, wona akayi kuhlawulelwa. Wona ngakaNdikhoyo poqo; makenziwe idini. Igazi lazo makufefwe ngalo iqonga lamadini, amanqatha azo atshiswe abe lidini ngomlilo – dini elo livumba liyolileyo kuNdikhoyo.

18. Ke yona inyama yazo yoba yeyakho, njengencum nomlenze wasekunene kwidini eliwanga-wangiswayo.

Eyasentlango 18