Eyasentlango 17:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathi kuMosis:

2. “Thetha namaSirayeli, uthathe iintonga zibe lishumi elinambini kwiinkokheli zakwaSirayeli; ibe nye intonga kwindlu nganye. Kwintonga yenkokheli nganye bhala igama layo,

3. uze ubhale igama lika-Aron kwintonga yendlu kaLevi. Ngoko ke inkokheli yendlu nganye yoba nentonga yayo.

4. Zithathe ezo ntonga, uye nazo *esibingelelweni, uzibeke phambi kwetyesi enobungqina bomnqophiso apho ndidibana khona nani.

5. Intonga yendoda endiyinyulileyo iya kuntshula amagqabi. Ngaloo ndlela ke ndiya kuluphelisa uzenge-zenge lwezikhalazo zamaSirayeli ngakuwe.”

6. Ngenene ke uMosis wayalela amaSirayeli ukuba inkokheli nganye imnike intonga; zaza ke zenjenjalo. Inkokheli yendlu nganye yakhupha intonga; zaza ke zaba lishumi elinambini zizonke, neka-Aron ikwalapho.

7. Xa zizonke ezo ntonga ke uMosis wangena nazo esibingelelweni, wazibeka phambi kukaNdikhoyo.

Eyasentlango 17